Kuphawulwa usuku lukaGawulayo
Monwabisi Khininda | Gqeberha
Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa liphawule usuku lweWorld Aids Day eGqeberha ngoMvulo weveki ephelileyo. UMphathiswa wesebe lezeMpilo uNtandokazi Capa umemelele lonke uluntu ukuba luqinise ukulwa umbulalazwe kaGawulayo ngokuthi abantu bavavanyelwe le ntsholongwane, ukuze abo bazifumana bechaphazelekile basebenzise iipilisi zokuthomalalisa le ntsholongwane. “Le ntsholongwane ichaphazela wonke umntu. Ungaba wosuleleke yintsholongwane okanye ikuchaphazela ngezinye iindlela kodwa masibumbaneni ukulwa nalentsholongwane,” kutsho uMphathiswa uCapa.
Nanjengoko ilizwe loMzantsi Afrika lilungiselela ukugqithiswa kwesitofu se –lenacapavir isebe lezeMpilo eMpuma Kapa libhinqe omfutshane lilungiselela ukuhanjiswa kwezi nkonzo ezizondwendwela uluntu kwiindawo ngendawo. Amasebe aseburhulumenteni ebekulendawo yomsitho esenza uhlolo, nesebe lezeKhaya lincedisa ngeenkonzo zalo kukwanjalo nakwisebe lezeMfundo ebeligqithisa iinkonzo eluntwini. UMphathiswa uCapa ukuqwabele izandla ukwehla kwamanani abantu abosulelwa yilentsholongwane kodwa uvakalise inkxalabo ngabantu abayekileyo ukusebenzisa izithintheli zalentsholongwane kwisithili iNelson Mandela Bay. “Sisonke singadala iphondo elikhuselekileyo kwintsholongwane kaGawulayo ngokuthi siqale apha eNelson Mandela Bay,” kutsho uCapa.


