Amaqela amancinci alungiselela iMqanduli League 2026
Anele Raziya |Gcuwa

Umbutho webhola ekhatywayo eGcuwa, iMnquma Local Football Association (Mnquma LFA) ubambisene neNozulu Youth Legacy Cup bathe bayaqala kule veki usindleka uqeqesho lweCAF D licence coaching course kwiYunivesithi yaseWalter Sisulu kwikhampasi eseBika.
Umsungulu weNozulu Youth Legacy Cup, uLuxolo Matikinca uvakalise ukuba olu qeqesho lweCAF D luzakuqala ngomhla weshumi elinanye kule nyanga liqhube kude ibengumhla weshumi elinesibhozo (11-18 December).
UMatikinca uthe injongo zokusindleka olu qeqesho kungokuba bafuna uxhobisa baphuhlise abaqeqeshi abasakhulayo kwaye babancedise ukuba bafumane ilayisenisi zokuqeqesha zika CAF D.
Uqhube wathi abaqali kusindleka uqeqesho lweCAF D eMnquma kuba ngo2024 bakhe balusindleka kwaye abaqeqeshi ababengamashumi amabini anethoba (29) babeyinxalenye yalo.
Bonke abo baqeqeshi babephuma kwindawo ezahlukeneyo eMpuma Koloni kwaye bagoduka bencumile emva kokuphumelela izifundo zabo zeCAF D lonto yabenza bafumane ilayisenisi zokuqeqesha.
UMatikinca uthe ngokomthetho wombutho webhola kweli iSouth African Football Association (SAFA) ifuna wonke umqeqeshi nakwezileague zasekuhlaleni abenelayisenisi yokuqeqesha.
Ngokusoloko besindleka ezi coaching course, uMatikinca uthe bazama uncedisana nabaqeqeshi ukuba bafumane ilayisenisi.
Kangangokuba kulo qeqesho lizabanjwa uqala kule veki abaqeqeshi babhalise ngobuninzi kuba befuna uphuhlisa izakhono zabo ngakumbi ebholeni kwaye bafune neelayisenisi.
Ngokwengxelo yeSAFA ibonisa ukuba nabo bazakuqeqesha ezikolweni kunyanzelekile ukuba babenazo ilayisenisi zokwenza umsebenzi kwaye injongo zoko zinzame zokuphuhlisa ibhola eMzantsi Africa.

