Arts & CultureLocalNews

Isebe lezeMpilo lilungiselela ixesha lolwaluko

16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Monwabisi Khininda

MPUMA KAPA

Isebe lezeMpilo eMpuma Kapa lithi likulungele ukunika inkxasa yonyango kwiiNkosi zemveli kweli phondo nanjengoko kuqalisa ixesha lolwaluko lwasehlotyeni. Amakhulu-khulu wamakhwenkwe kulindeleke ukuba aye entebeni kweli phondo leMpuma Kapa.

Isebe lezeMpilo ngomlomo wesithethi seli sebe uSizwe Kupelo lithe lisebenzisana nezikolo zolwaluko ukuqinisekisa ukuba umgangatho wezempilo uyagcinwa xa iingcibi zisenza ulwaluko.Isebe lithe libonelela ngooGqirha ukuba bahlole impilo yamakhwenkwe phambi kokuba bahambe kule mpelaveki kwaye bazawukwenza ukuba ooGqirha babekhona ukuze bancede xa kukho imfuneko.