Abantwana baseNoxhakaza Primary School bafumana ikxaso yeezihlangu eMtebhele
Intatheli: Anele Raziya | Ngqamakhwe
Abafundi abangamashumi amabini ananye (21) besikolo samabanga aphantsi, iNoxhakaza primary school kwilali iMtebhele eNgqamakhwe, bafumene inyhweba ngexesha bephiwa izihlangu zesikolo yinkampani yabucala ebizwa ngokuba yiZandra Holdings.
Kwiveki ephelileyo, uZandiswa Mabusela ongumnikazi weZandra Holdings ekunye noogxa bakhe baye batyelela isikolo iNoxhakaza primary school ngenjongo zokunikezela ngeezihlangu ebantwaneni ababonakala baphume kumakhaya asokolayo.
Baye bomkelwa ngootitshala besikolo kunye nabazali kulo msitho ubucwagciselwe ukuba baphe kuwo abantwana izihlangu.
Ngokwenene emva kokuba uMabusela oyinzalelwane yaseMtembele enikezele ngezihlangu ebantwaneni, uye wabakhuthaza ukuba bafunde ngokuzimisela kwaye basithande isikolo.
Ubaxelele ukuba imfundo ibalulekile kwaye iyakwazi ukuvula iminyango emininzi ebomini kwaye iyancedisa uqaqambisa ikamva lakhe nabani ofunde ngokuzimisela wade wafumana imfundo enomsila.
Unobangela wokuba lo somashishini anike inkxaso kwabafundi, uthe kungokuba naye wakhulela kwikhaya ekwakunzima kulo ekhuliswa ngumama wakhe owayengathantweni.
“Andikhulanga lula nam njenga bantwana, ndikhuliswe ngumama kwaye zazibakhona izinto endandizidinga ekukhuleni kwam kodwa kwakunzima ukuba ndizifumane kuba umzali wayengathantweni,” kutsho uMabusela.
Uthe imeko yabantwana imcingise ngelakhe ixesha esakhula kwaye uyathemba ukuba esi sipho sakhe sezihlangu sizokhuthaza abantwana ukuba basithande nangakumbi isikolo.
Uye wabakhuza abantwana ukuba bafunde ngokuzimisela ukuze nabo baphumelele ebomini njengaye owayetsala nzima, kodwa xa kunamhlanje ubom bakhe bungcono xa buthelekiswa noba kuqala.
Kubeluvuyo kootitshala nabazali batsho bebulela igalela lika Mabusela kunye nenkampani yakhe ebizwa Zandra Holdings.
Nabantwana abaxhamlileyo nabo bebevuya bencumile kwaye bebulela kumnikazi weZandra Holdings.


