Business

ABAHLALI BASEKAPA BAFUNGE BAGOMELA BESITHI AZIYI NDAWO IISPAZA SHOPS ZABEMI BANGAPHANDLE

KAPA

Kanye emveni kokuba kuye kwavakala okokuba abombutho u Operation Dudula sele bengene kwi ndawo ezithile apha eNtshona Koloni ukutshuthisa ngokuvalwa kwee spaza shops zabemi bangaphandle, abahlali base Guguletu baye bafunga bagomela besithi oku soze kwenzeke kubo.

  Abasemfuthweni wolwazi bekwazazi nee ndaba bathe aba bahlali base Kapa ingakumbi eGuguletu bavakalise okokuba aba bemi bamazwe angaphandle ngabona babonakalise okokuba bona kweli lizwe lo Mzantsi Afrika bakweli ngokuzisa iinkonzo.   

 Aba bahlali bathi okuye bakuqaphela kokokuba oo somashishini bezi spaza shops zabo bajonge njee ukwenza imali kunokunikeza ngee nkonzo.  

 Aba bahlali bathi kubanzima ekuseni phaya koo 6 am noo 7 am ukuncedwa kwii spaza shops zabemi beli kuba besarhona abanini bazo.  Aba bahlali bathi kubanzima kakhulu kwabo baphangelayo ekuseni ukuncedwa kwezi spaza shops zabemi beli de ubani anyanzeleke okokuba aye kude kwii venkile zama Somalia wona abe sele evulile kwakusasa.

  Omnye woo mama base Section 3eGuguletu nowalileyo negama lakhe uthe: “Kufuneka belungiselele abantwana besikolo kwakusasa.  Uyanyanzeleka ume ukhwaze umnini venkile leyo okokuba avule, kodwa ‘Dololo’.  Kodwa wakuya kwezo zabemi bangaphandle ufike sele ikudala benceda,” utshilo lo mama.

  Abanye baba bahlali bathi bayakwazi kwa ukuncedwa xa bexakekile bengenamali ze aba bemi bangaphandle babaxozele ntoleyo enzima koo somashishini beli.  

  Bona abaka Operation Dudula bathe ukuqiniswa komthetho wokuba kweli ngaphandle kwamaphephamvume yeyona nto ezakuba ziphinde zivuka iivenkile ezifana nezo zoo Gasela nabanye phaya eNY 6 zizakubonwa zivulwa kwakhona.