CommunityLocalNews

Bazakulokha ikhaya abo basuka ngaphandle

Intatheli: Yonela Mpaka | Nyanga

Baxhasiwe abosapho lakwa Ndiki kwindawo yase Nyanga eNgcobo. Usapho belukhala isijwili kungekho noko kusiwa phantsi kwempumlo ukutya, impahla kwa indawo abahlala kuyo imeko yayo ibimaxongo. Umama wekhaya uthe wasweleka ngokubethwa ngentsimbi entloko emva kokuba ethe walixhoba lokudlwengulwa. Lo mama uThenjiswa Ndiki ushiya intombi ezimbini zakhe ezikwangawo amaxhoba odlwengulo nekucaca ukuba apha entloko banako ukuphazamiseka abo bangamantombi ngenxa yesimo sokuhlala.

Abantu  bathe bancedisa kakhulu kwikhaya besisa ukutya, ingubo, impahla de abavenkile bathembisa ngokubokhela. Ezintwazana zimbini nezineminyaka engamashumi amathathu zikuvuyele kakhulu ukuncedwa nebezikhala inyembezi ngethuba izipho zibekwa phambi kwabo. Owathi wabona lomzi ehamba nogxa bakhe uMwabisa Mputu uthi imeko ibimbi kakhulu.

Sibulela kuye wonke umntu obonise ubuntu kolusapho kuba imeko ibimbi kakhulu,sinethemba lokuba indlu bazakude babenayo, sivuyile xa osisizalwane ekwazile ukunikisa ngenxa kubo ukuze babe behlala ngethuba besalinde ubuyekezwa,” utshilo uNwabisa Mphuthu. Abantu basathe gqolo ukulibonelela usapho.