Bafumene umvuzo abo basebenza ngokuzinikela.
Intatheli: Yonela Mpaka | Maqanda
Bawongiwe otitshala abafundisa ngokuzinikela kwisikolo saku Maqanda eNgcobo. Imisebenzi eyenziwe zititshala ukuphucula imfundo kwisikolo saku Maqanda ibonakale ingenakuyekwa nje ngabo baziNkokheli kwilali le. Banikwe izetifikethi ukuze bakhuthazeke nanjengoko isikolo esi ibikokwesibini sichophela ibanga leshumi. Isikolo esi sithwala abafundi abasuka kwizikolo ezikufutshane nezizezo zamabanga aphantsi.

Umlo wamakhwenkwe ibingowona mceli mngeni ubuhamba phambili kwisikolo esi nobuphazamisa kakhulu abafundi. Oyinkokheli nokwalilungu lebhodi elawulayo kwisikolo esi utata uDavid Ntibane uthe babone kufanelekile bathi enkosi kwezititsha kuba bezingalali ukuze imfundo yabantwana ibekulendawo ikuyo.
“Umsebenzi owenziweyo kwesisikolo mkhulu kuba bekubangasa kuthwe amakhwenkwe abulelene,inxaxheba edlalwe ngabazali siyayibulela kakhulu, abantwana baye bafunda abajonga yonkinto sababulela, sithi ngase izinto zingajiki esisikolo sibalwe njengezo zakuthi zibuye naye u100 persent,” utshilo utata uDavid Ntibane. Otisthala abathe bawongwa bebengawuvali umlomo, Inqununu yesikolo uRoseman Khanuka ibanika izetifikethi. Isikolo esi besipaselwe kakuhle kakhulu.
