Abaqhankqalazi bafuna isibhedlele esitsha eGugulethu
30 EyeNkanga 2023 – 06 EyoMnga 2023 – Sandiso Phaliso – GroundUP
KAPA
Isibhedlele esidala asikwazi ukumelana nokutsho kweMovement for Change and Social Justice
Abahlali abangaphaya kwekhulu abaphuma kwiilokishi ezininzi zaseKapa babambe umngcelele besiya kwindlu yowiso-mthetho eNtshona Koloni ngoLwesibini befuna ukwakhiwa kwesibhedlele esitsha eGugulethu.
Lo mngcelele ubuququzelelwe yiMovement for Change and Social Justice (MCSJ), eyimbumba yamaqumrhu ajongene nezempilo, ukhuseleko kunye nemiba yeenkonzo zentlalontle eGugulethu nakwiindawo ezingqongileyo.
Lo mbutho uthi iGugulethu Community Health Care Centre lakhiwa ngo1965 ukuze likwazi ukujongana nabantu abakumashumi amabini anesixhenxe amawaka, kwaye alikwazi ukuhlangabezana neemfuno zamanani abantu abahlala kule ndawo namhlanje.
Aba baqhankqalazi bakhalaze ngokulibaziseka kokungahoya izigulana, ukungacoceki, ukujikiswa kwezigulane ngaphandle kwamayeza, akukho ndawo yokupaka iimoto, ukuwohloka kweziseko zophuhliso, kunye nokuziphatha kakubi kwabasebenzi. Bathe le kliniki ayinabuhlobo kubantu abakhubazekileyo ingakumbi abasebenzisa izitulo ezinamavili.
Aba bamatshi baxelele iGroundUp ukuba bazamile amaxesha amaninzi ukuthetha nabaphathi beli ziko bade baqhankqalaza nangaphandle banikezela ngememorandam yezikhalazo, kodwa khange kubekho mpendulo.
Ilungu leMCSJ, uMandla Majola, uthi abo bamatshi bafuna ukwakhiwa kwesibhedlele esitsha ngo2026. Uthi inani labantu bale ndawo likhule kakhulu, kukho iindawo zokuhlala ezintsha eziquka iNew Crossroads, Philippi, Lusaka, Lotus namatyotyombe aseBarcelona, Europe naseKanana.
“Ngelishwa, ikliniki inabasebenzi abambalwa kakhulu. Ngenxa yoko, ixesha lokulinda izigulana lide kakhulu,” utshilo uMajola.
Uthe icandelo lezothutho lincinci kwaye ngeempelaveki abasebenzi bebengakwazi ukumelana nezithonga zemipu nokuhlatywa. “Kukho iibhedi ezinqongopheleyo lonto ibangela ukuba ezinye izigulana zilale phantsi okanye ezitulweni,” utshilo uMajola.
UNokwakha Siyolo wasePhilippi East, osebenzisa iintonga zokuhamba, uthi akukho luphuculo olukhoyo kweli ziko nangona kukho imfuneko yoko.
“Ukuba ndiye kwidinga ngentsimbi yesibhozo kusasa, kuyabonakala ukuba ndiza kubuyela ekhaya emva kwemini ukuba ndifumene uncedo ngaloo mini. Into esiyifunayo kukuba isebe lezempilo lingenelele,” utshilo uSiyolo.
UPamela Dyantyi uthe rhoqo xa etyelele kufuneka afole ngaphandle, nokuba injani na imozulu. “Uluntu lunyamezele inkonzo engekho mgangathweni ixesha elide,” utshilo uDyantyi.
UMphathiswa wezeMpilo eNtshona Koloni uNomafrench Mbombo akafumanekanga ukuba amkele imemorandam ebhekiswe kuye, kodwa ummeli wayichola. UMbombo wanikwa iintsuku ezilishumi elinesine ukuba aphendule.
ULuke Albert, igosa leendaba kuMbombo, uthe: “Siyakubulela ukufumana imemorandam kwaye siza kunika impendulo kulo mbutho ekuhambeni kwexesha”.


