LocalNewsSports

INozulu Youth Legacy Cup iyabuya kwakhona kulo nyaka

Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026

Intatheli: Anele Raziya – Gcuwa

Umsunguli wetumente yebhola eyaziwa  njenge Nozulu Youth Legacy Cup, uLuxolo Matikinca uthe abalandeli bebhola ekhatywayo eMnquma neeziphaluka mabalindele ukubukele imidlalo ezakube ikumngangatho ophezulu xa kuqhuba itumente kule nyanga. 

UMatikinca ukwathi imidlalo yetumente iNozulu Youth Legacy Cup iza kuqala ngomhla wamashumi ama27 uyokuma ngomhla wama29 kule nyanga kwaye iza kubanjelwa kwiYunivesithi iWalter Sisuli eGcuwa njenge siqhelo. 

Ukutsho oku ngexesha encokola noonondaba bezemidlalo malunga namalungiselelo wale ndebe injongo zayo ikuphuhlisa ulutsha ekuhlaleni. 

Ngaphambi kokuba kusindlekwe imidlalo, uMatikinca uthe bazakuqala bawonge abaqeqeshi ebabethathe ixhanxeba kwizifundo zokuqeqesha  zeCAF D noCAF C. 

Uqhube wathi ngomhla washumi ama26 abaqeqeshi ebebefundela ukufumana incwadi zokuqeqesha zika CAF D noCAF C bazakwenzelwa itheko ngalemini kwaye banikwe neezatifiketi zabo ezibanika ilungelo elipheleleyo lokuqeqesha abantwana ebholeni. 

Kodwa ngaphambi kwalo mini ngomhla wama25 uthe bazakuqala bathelekekise amaqel alishumi elinesithandathu (16) azakuba ekhuphisana kule ndebe ibanjwa rhoqo ngonyaka. 

Akhona amaqela amenyiweyo ngokunokutsho kwakhe kwaye uthe amanye azakuba ephume eMpumalanga, Gqeberha, eMonti naseMthatha uzokuqubisana nowaseMnquma alishumi nadlala kwiMnquma promotion league U17. 

Itumente lena yenzelwe iidyogwana ezisakhulayo ngokweminyaka njengo idlalwa zezo zingaphantsi kwiminyaka elishumi elinesixhenxe. 

Kwaye ezinye zenjongo zale midlalo kuphuhlisa ibhola ekuhlaleni, ukuphuhlisa abaqeqeshi abasakhulayo kwakunye noosompempe. 

Wonke umqeqeshi ozakuba eqeqesha kule tumente kunyanzelekile abene layisenisi enguCAF D okanye CAF C ukuba akanayo akuvumelekanga. 

Iintshatsheli ezaphumelela itumente kunyaka ophelileyo, iFuture Boys yaseMonti nayo izakuba ikhona izokhusela intshinga yayo. 

UMatikinca uthe amaqela aphumeleleyo kule tumente aza kugoduka namabhasa ancumisayo njenge siqhelo.