LocalNewsSports

Iqela lebhola icela inkxaso 

Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026

Intatheli: Anele Raziya | Gcuwa

Nangona ulutsha laseQorha eMbhashe lazimanya nezemidlalo ngenjongo zokucwezela kude kwizinto ezifana neeziyobisi nolwaphulo mthetho, kodwa sele kunjalo alifumana nkxaso yaneleyo eluntwini ukuze lizokuthazeka nangakumbi. 

Konke oku kulandela isikhalo esenziwe ngumanejala weqela laseQorha, iShinning Stars FC, uBongani “Skillo” Mlatha nalapho akhalazela ukunqaba kwenkxaso yezixhobo zokudlala ezifana neebhola, iflegi zekona, iicones, iibibs, itracksuit zokuba banxibe babebahle xa beyokudlala imidlalo yeSAFA Amathole Hollywoodbets Regional league eDutywa ebaleni. 

Encokola neliphephandaba uMlatha uthe beliqela iShinning Stars FC bayasokola kwaye batsala nzima nanjengoko bengenayo nebhola yokukhaba ejimini kuba abayisebenzisayo igugile. 

“Kwiminyaka eyadlulayo sasungula iqela iShinning Stars FC ngenjongo zokuba sisuse ulutsha kwiziyobisi neendawo zeentselo, ngenene ulutsha lasondela lazimanya neqela lethu kodwa ekuhambeni kwexesha siye saqaphela ukuba siyasilela kwizinto ezifana neebhola kunye nezinye izixhobo zokuqeqesha, “kutsho uMlatha. 

Uqhube wathi kubanzima nokuziqeqesha ngokufanelekiyo kuba abanazo izixhobo ezaneleyo zokwenza oko. 

Uthe ngemini yemidlalo yeSAFA Amathole Hollywoodbets Regional league Stream F eDutywa baye bahambe ngenyawo ukusuka eQora ukuya ebaleni eDutywa ngenxa yokuba akukho nemoto ebancedisayo ngobathatha ibase iphinde ibabuyise. 

Wongeza wathi enye yezinto abanoyivuyela xa benokuyifumana inkxaso yayo yimpahla yokunxiba (tracksuit) xa beyokudlala. Ukufumana kwabo itracksuit ucinga ukuba kungancedisa nakwimoto abacela kuzo ukwela batsho babonakale ukuba bangabantu bebhola kuba maxesha wambi bacingelwa njengo tsotsi xa becela ukweliswa babe benxibe impahla ezingafaniyo. 

Oka Mlatha uthe bakhe bazama babhalela namashishini ekuhlaleni ngenjongo zokucela inkxaso kodwa uzokutsho ngoku bebengekafumani mpendulo kwezondawo. 

Uvalelise ngelithi beliqela iShinning Stars bangavuya nokuba bangafumana nokuba loluphi uhlobo lwenkxaso ukuze baqhubele phambili nokugcina ulutsha emidlalweni ndaweni yokuba lihlale kwiziyobisi neendawo zeentselo. 

Lona unako ukuphosa lona angakwazi uyiphosa angakhangela uMlatha kwinobholo ethi 063 440 3334 okanye ku mlathab55@gmail.com

Uyafumaneka nakuwhtspp kule nobholo yakhe kwaye ufumaneka imini uyokuma ngorhatya.