LocalNewsReligious News

Akasekho uMfundisi Vakalisa

12 kweyoMnga 2024 – 15 eyoMqumbu 2025

Monwabisi Khininda

Umsasazi wenkqubo yeZokholo kwisikhululo esiphantsi kwe-SABC, uMhlobo Wenene, uMfundisi uNomonde Vakalisa usweleke kuLwesithathu weveki ephelileyo, emva kwengulo ende. UMfundisi uVakalisa ebesele esebenzela ekhayeni ngenxa yempilo emandundu.

ULoyiso Bala ongumanejala wezoshishino kwiEastern Cape Combo kuMhlobo Wenene wenze esi sibhengezo kwinkqubo yasemini ethi “Khanya Gqiyazana’,waze wathi amalungiselelo enkonzo yesikhumbuzo azakuphinda abhengezwe kungekudala.U

UMfundisi uVakalisa ebeneminyaka engamashumi amane anesixhenxe (47) waqala ukuba ngumsasazi kwisikhululo iAlfred Nzo Community Radio ezinze eMaxesibeni (Mt.Ayliff). Usapho lwakhe lumchaze njengomntu obezinikezele ekukhonzeni uThixo, umntu onothando,inkokheli ebinika inkuthazo kubo bonke abantu abamaziyo nabakufutshane naye.” UMfundisi uVakalisa ebekhokhele ibandla iThy Will Ministries eGqeberha. UVakalisa ushiya umntwana omnye. Lomsasazi wodumo uyafihlwa kule veki.