Crime & SafetyEducationLocalNews

INqununu ibanjelwe ubuqhophololo be-R2.9m  ka-RAF 

Edition: 26 March 2026 – 15 April 2026

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Izakuvela enkundleni ye-Serious Commercial Crimes Court  eMthatha ngomhla we-25 Matshi iNqununu elinina elinama -62 eminyaka ubudala. UWarrant Officer woKhetshe uNdiphiwe Mhlakuvana uthe elinina lithunyelelwe umsila wenkundla ukuba livele enkundleni ngomhla oxeliweyo. Elinina eligama lalo lisagodliweyo de livele enkundleni kutyholwa ngokuba lenza ibango lobuxoki lokonzakala kwingozi yemoto kwa-RAF (Road Accident Fund). Ngokwengxelo kwibango lalo lithi lalingumkhweli kwingozi yendlela eyehla kuhola wendlela phakathi kweDutywa noMthatha kuJulayi ka-2017.

Kumaxhwebhu awagcwaliswa ngamapolisa umrhanelwa wathi wayengumkhweli kwiVolkswagen Polo waye wonzakala ngethuba ibandakanyeka kwingozi yendlela. NgoDisemba ka-2017 umsolwa wayalela inkampani yamagqwetha ukuba ifake ibango  le-R2.9 yezigidi kwa-RAF. Kudizwa ukuba umsolwa waye wafuna enye inkampani yamagqwetha ukuba iqhubeleke nebango lakhe akube eyirhoxisile leya yokuqala.

Kweli lesibini ibango ummangalelwa ufake iinkcukacha ezingafaniyo neziya zokuqala. Elina ibango lalixabisa kuma R1.4 yesigidi. UMhlakuvana uthi umsolwa waphinda wafaka elinye ibango kwai-WYZE Vehicle Insurance kwaOld Mutual ngomonakalo owenzeka kwesi sithuthi se-VW Polo ngethuba singquzulana nesinye. Kweli bango uthi wayengumqhubi wesi sithuthi. La maxwebhu angathethi ntwinye adale urhano lwezenzo zobuqhophololo waze u-RAF wagqithisela ezi nkcukacha koKhetshe ukuba baqhube uphando. Buthe bakuqokelelwa bonke ubungqina wanikwa isamoni embizela enkundleni.