LocalNewsPolitics

Ingcwaba likaSobukwe lonakaliswe ziintshaba 

Edition: 26 March 2026 – 15 April 2026

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni

Usapho lukaRobert Sobukwe owabangumsunguli weqela lezopolitiko i-PAC  (Pan African Congress) lukholelwa ukuba ingcwaba lakhe lonakaliswe ngabantu abachasene nokuba idolophu yaseGraaff-Reinet ibizwe ngokuba yiRobert Sobukwe Town. IGraaff- Reinet ithiywe igama lokuba yiRobert Sobukwe Town ngomhla we-6  Febuwari 2026 iguqulwa igama nedolophu eziyiEast London ebizwa kuGompo City yaze iAberdeen yathiywa ngokuba yiXamdeboo.

Imibutho ekhokhelwe ngamadlagusha iFreedom Front Plus neDemocratic Alliance bafake isicelo sokuba eligama likaSobukwe lirhoxiswe. Emveni kwesi sindululo abaNtsundu baye babamba umngcelele bephikisana nesiphakamiso seFF+ neDA. UMzwanele Nyhontso ongumongameli we-PAC noMphathiswa woLawulo lweMihlaba nobekhokhele lo mngcelele uthe ukonakaliswa kwengcwaba likaSobukwe kuyothusa ukuba kanti kwiminyaka engaphaya kwamashumi amahlanu uSobukwe wangcwatywayo kusekho abantu abamtshutshisayo.Uthe oluhlaselo aluzuphelisa ukuhlonitshwa kukaSobukwe. UMangaliso Sobukwe ongumzukulwana kaRobert Mangaliso Sobukwe uthe ayikokokuqala elingcwaba lisonakaliswa.

UNyhontso uthi ukonakaliswa kwengcwaba likaSobukwe le nyewe uzoyisa kwiNational Heritage Council ayibongoze ilokhe ngokutsha elingcwaba libengqingqwa ukwenzela ukuba kungabilula ukuliqhekeza.UAndile Nduna ososthethi sesebe leZemidlalo uBugcisa neNkcubeko eMpuma Kapa uthe isebe  lakhe lizosebenzisana namanye amasebe ukuqwalasela umonakalo ukuze lakhiwe ngokutsha nesidima. Uthe ukonakaliswa kwelingcwaba kubonakalisa indelelo nentswelo ntlonipho.