Kuqokelelwe izidumbu ezine eBityi
26 EyoMsintsi (Sept) 2024 – 09 EyeDwarha (Oct) 2024
Monwabisi Khininda
UMkomishinala wamapolisa eMpuma Kapa uLieutenant General Nomthetheli Mene uzigxeke kabukhali izenzo zokubulawa kwabantu abane ngokungenalusini kwilali yaseBityi eMthatha kwiveki ephelileyo. UMene ukutsho oku emva kwesihelegu esithe sehla kummandla waseBityi emva kokufunyanwa kwemizimba emibini yamadoda aqikelelwe kwiminyaka ekumashumi amathathu ukuya kumashumi amane ubudala ekwindawo ezahlukeneyo. Iingxelo zithi kukrokrelwa ukuba bathe bakrwitshwa ze babhubha.
Ingxelo ekhutshwe sisithethi samapolisa ephondweni uLeiutenant Colonel Siphokazi Mawisa,ibhence ukuba kwisehlo sokuqala umakhelwane womfi uthe wafika ngentseni yangoMgqibelo ekhayeni lomfi apho abone amadoda amabini ephuma ebaleka eshiya indawo yexhwayelo. Uthe xa efika ucango lwabe lungavalekanga ekungeneni ugangwe ngumzimba kamakhelwane wakhe ulele phantsi sele ubanda. Uhlabe umkhosi kwangoko baphuma abahlali balanda ekhondweni lalamadoda mabini. Ngokwenkcaza yamapolisa la madoda aye abanjwa abulawa ngabahlali kuba imizimba yawo ifunyenwe kwithafa laseLukhwethu. Ukanti indoda ekwiminyaka engamashumi amane ubudala ifunyenwe emzini wayo ibhubhile inamanxeba kumzimba ongasentla kwaye irhintyelwe ngentambo yombane emqaleni.
Amapolisa avule amatyala amane okubulala ukuze kuqhutywe uphando. UMkomishinala uMene uvakalise usizi nentlungu yobugebenga obuthe bemka nobomi babantu eBityi. Amapolisa agxeke abantu abathathela umthetho ezandleni zabo. Abongoza uluntu ukuba luxele ulwaphulo mthetho kwabo banegunya nokuba kukupoliso lwasekuhlaleni (CPF).
