Kufunwa izihlobo zendoda esemkhenceni
Edition: 12 March 2026 – 25 March 2026
Intatheli: Monwabisi Khininda | Mpuma Koloni
Amapolisa akuKomani akhangela izihlobo zendoda egcinwe kumzi ogcina izidumbu karhulumente kuKomani. Ngomhla we-23 kwinyanga yeSilimela 2024 amapolisa abizelwa eHaxogon Square kuKomani apho abenkonzo ezingxamisekileyo babexakekile benceda indoda ekwadizwa ukuba iwe kwesi sakhiwo. Ngethuba befika ubesele echazwa njengobhubhileyo.
Le ndoda iqikelelwa kwiminyaka engamashumi amane ubudala, yayinxibe isilamba esimnyama kunye netracksuit kaAdidas eNavy ngombala. Nabani onganolwazi ngalendoda okanye olahlekwe lilungu losapho elinempawu ezifana nezichazwe apha angaqhakamshelana noDetective Sergeant Zamikhaya Madikane ku-0735597069/0824418602


