Uncategorized

UMphathiswa ojongene nezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni

16 EyeNkanga 2023 – 22 EyeNkanga 2023 – Anele Raziya

MPUMA KOLONI

UMphathiswa ojongene nezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha uthe ibhulorho yaseCegcuwana eMgomanzi ethungelana nohola wendlela waseGcuwa, uN2 iza kulungiswa emva kokuba ibitshatyalaliswe zimvula.

Ukutsho oku ngexesha ebetyelele kwilali yaseMgomanzi ekhatshwa ngumasipala waseMnquma kunye neeqela leenjineli ezingochwephesha kwicala lendlela.

UNqatha uthe into embeke kwilali yaseMgomanzi kwiveki ephelileyo sisicelo sabahlali bakwa ward 8 abafuna ukwenzelwa ibhulurho yaseCegcuwana emva kokuba yonakaliswa yimvula.

“Nangona ukwenziwa kwale bhulurho kungekho kwisicwagciso semali sonyaka mali ka2023/2024 kodwa silisebe sicele inkampani yakwa SANRAL isincede ngokusenzela lebhulurho ukuze abahlali bakwazi uyisebenzisa kwakhona,” kutsho uNqatha.

Uthe ibhulurho yaseCegcuwana idlala indima enkulu kwicala loqoqosho njengoko abantu abaninzi besebenzisa yona ukuthungelana nokufikelela edolophini eGcuwa.

Uqhube wathi iinjineli zenkampani yakwa SANRAL zizokuqala zihlole indlela yokulungisa ibhulurho yaseCegcuwana ziphinde zijonge nento enokwenziwa ukuphucula iindlela zaseMgomanzi R6 administrative areas.

Wonke lomsebenzi uSANRAL sele eqalisile ukuwenza ukuqinisekisa ukuba ukhawuleza ayimilisele ibhulurho yaseCegcuwana kwakhona emva koko alungise indlela yegravel yakhona.

OnguSomlomo kwibhunga lomasipala waseMnquma, uMonica Qaba nobeyinxalenye noMphathiswa uNqatha, uthe bayaluvuyela ungenelelo lwesebe kwaye bazakuqinisekisa ukuba bayancedisana nesebe ukuba kokhiwe ibhulurho yaseCegcuwana.

UQaba ukwathe kuzokutsho kuvele namathuba emisebenzi yethutyana kwaye abahlali bazakuxhamla kuyo.

Uthe ukwakhiwa kwale bhulurho kwakhona kuzoncedisa kwicala lokhulisa uqoqosho nakwicala lokuba abantu bawele kwindawo ekhuselekileyo xa kukho iimvula ezinkulu.