Crime & SafetyNews

Ubulelwe litutu usomaqhuzu weetekisi 

Intatheli: Monwabisi Khininda|Mpuma Kapa

Basothukile oosomashishini kwezothutho kwiphondo leMpuma Kapa emva kokubulawa kukaLuvuyo Figlan (47),ebulawa lisela ebeliyokweba imibhobho yamanzi kwikhaya lakhe eliseMdantsane. Ngokwengxelo yamapolisa uFiglan uvuswe kumzi wakhe oseBeacon Bay eMonti, efumana umnxeba ochaza ukuba kukho umonakalo oqhubekayo kwikhaya lakhe elikwa-NU9 eMdantsane. Ngenene uphuthumile kodwa ufike selimkile isela lincothule imibhobho yamanzi. Umgcini walendlu uthe ulibonile itutu kwaye uyalazi apho lihlala khona.

Besakufika kwindlu yesela elo uFiglan uye walibuza ngale mibhobho yamanzi. Laphika lema ngomlenze omnye isela. Kulapho uFiglan aye walirhuqela kwimoto yakhe phandle ngelithi uzakulisa emapoliseni,ngeliyovula ityala. Kuthe kusenjalo suke isela elo lazithathela umpu esinqeni salo somashishini. Kwevakala isithonga sompu laze laphonculisa itutu labaleka lishiya uFiglan elimele.

Nangona kunjalo uye wakwazi ukungena emotweni yakhe alileqe eli sela. Kodwa uye woyisakala ngenxa yokopha. Abamelwane nomgcini womzi bafike kuye ethe tywaa ecaleni kwemoto engasaphefumli. Kuvulwe ityala lokubulala kwisikhululo samapolisa akwa-NU 12 eMdantsane. Isithethi samapolisa uCaptain Hazel Mqala usiqinisekisile esi siganeko kwaye uthe uphando lusaqhuba kwaye akukabanjwa mntu.