Ziyaphuculwa izikolo ezisemaphandleni eNgcobo
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Yonela Mpaka | Ngcobo
ISebe lezeMfundo lisebenzisana nenkampani yakwaMTN linikezele ngeZiko leMultimedia (Multi Media Centre) kwisikolo samabanga aphakamileyo iMzikayise Dalasile eNgcobo. Oku kwenziwe ngenjongo yokunceda abafundi ukuba bawenze lula umsebenzi wabo wesikolo nokuphucula umgangatho wemfundo.
Esi sikolo siphumelele kakuhle kakhulu kwiziphumo zaso zikaGrade 12 kunyaka ophelileyo. Ngaphambili, abafundi bebefumana ubunzima xa besenza imisebenzi yesikolo ngenxa yokunqongophala kwezixhobo ezifanelekileyo zokufunda.
Amalungu ebhodi elawulayo kwesi sikolo asamkele ngovuyo esi sipho sikaMTN, esithi siza kwenza umahluko omkhulu ekufundiseni nasekufundeni.
UMphathiswa weSebe lezeMfundo uFundile Gade uthe esi sikolo sesixhenxe sele sixhamla kule nkqubo, esithi injongo kukuba abafundi bafumane amathuba angcono emfundo. Uye wathi ukusetyenziswa kweencwadi kusenokwehla kancinci njengoko kusanda ukusetyenziswa kweekhompyutha kunye nobuchwepheshe bokufunda.
“Sikhuthaza abafundi ukuba bazikhusele kwaye bazikhathalele ezi zixhobo kuba ziza kubanceda kakhulu. Ukuqhekezwa kwezikolo asikufuni, kodwa siyabacela nabo basebenzisa ezi zixhobo ukuba bathathe uxanduva,” utshilo uGade.
Abafundi baluvuyile kakhulu olu phuhliso, ngakumbi abo bakwiBanga le-12, besithi ezi khompyutha ziza kubanceda kakhulu ekulungiseleleni iimviwo zabo.
UMphathi wakwaMTN uSongezo Masisa uthe esi sikolo sikhethwe liSebe lezeMfundo ngenxa yokusebenza kakuhle kwaso kwiziphumo zikaGrade 12. Uqinisekisile ukuba eli ziko leMultimedia liya kusetyenziswa ngokupheleleyo, waze wathi le nkqubo iza kuqhubeka nezinye izikolo ezisemaphandleni.
Abafundi nabo banikwe izihlangu zesikolo, ingakumbi abo basweleyo, njengenkxaso eyongezelelekileyo.


