Amafama aseMbhashe afumene inkxaso yeembombozi zokukha amanzi
Edition: 30 April 2026 – 13 May 2026 Intatheli: Anele Raziya | Mbhashe
Amafama aseMbhashe kwilali iCwebe eXhorha abulele ngokungapheliyo emva kokufumana inkxaso yeembombozi zokukha amanzi (hippo rollers) ezinikwe liSebe lezoLimo libambisene nombutho ozimeleyo iSwim of Rivers, kunye noMasipala waseMbhashe.
NgoLwesithathu kwiveki ephelileyo, eli sebe libambisene neSwim of Rivers kunye noMasipala waseMbhashe banikezele ngeembombozi ezimalunga ne-100 kumafama asakhulayo aseCwebe. Injongo yeli nyathelo kukunciphisa ubunzima bokukha amanzi, ngakumbi xa kunkcenkceshelwa izityalo.
Omnye wamafama aseXhorha, uNokhaya Mxabane, uthe le nkxaso ibaluleke kakhulu kwaye iza kwenza umahluko omkhulu emsebenzini wabo wemihla ngemihla.
“Siyabulela kakhulu kwinkxaso esiyifumene kurhulumente sibambisene neSwim of Rivers. Ngoku asisayi kusokola xa kufuneka sikhe amanzi okunkcenkceshela izityalo zethu,” utshilo uMxabane.
Uthe le nkxaso iza kubakhuthaza ukuba baqhubeke nokusebenza nzima njengamafama asakhulayo eMbhashe.
Ethetha kulo msitho, uSodolophu waseMbhashe uSamkelo Janda uthe urhulumente ukhona ukuze axhase uluntu aze aqinisekise ukuhanjiswa kweenkonzo ezingcono.
UJanda uthe uxanduva lukarhulumente kukuphucula impilo yoluntu nokuxhasa nabo bazisebenzayo kwimimandla eyahlukeneyo.
Usihlalo weSwim of Rivers, uAndrew Chin, uthe umbutho wabo uzibophelele ekuxhaseni apho kubonakala kukho imfuno enkulu, ngakumbi kwimiba enxulumene namanzi.
UChin uthe baza kuqhubeka bexhasa uluntu apho banako khona ukuze kuphucuke ubomi babantu.



