Arts & CultureCrime & SafetyLocalNews

Urhulumente uzama ukuphelisa imilo yamakhwenkwe eMbhashe

11 August 2026 | Anele Raziya | Mbashe

Urhulumente waseMpuma Koloni okhokhelwa yiNkulumbuso, uOscar Mabuyane, uphakame ume ngenyawo ukhangela nasiphina isisombululo esinokuphelisa imilo yamakhwenkwe ezilalini. 

Kutsha nje, amasebe karhulumente awohlukeneyo aquka amapolisa, isebe elijongene neemicimbi yeenkosi, isebe lezemfundo, isebe lezokhuseleko, umasipala wesithili i-Amathole nowaseMbhashe umasipala bebehlangene eDutywa kwisikolo iColosa Senior Secondary School ngenjongo zokuxhobisa ulutsha ngale milo yamakhwenkwe. 

I-Ofisi yeNkulumbuso ephondweni ibikhona nayo ikhokhelwa nguMhlekazi uMzamo Nkonzo. Kule nkqubo amasebe karhulumente, abafundi kwakunye nabahlali bebephicotha izinto ezingunobangela wale milo yamakhwenkwe kwaye kukwajongwa nento enokuthi inqande yona imilo. 

Kwizinto eziye zaphakanyiswa kuthiwe ukuselwa kotywala ngokugqithisileyo lulutsha ingakumbi utywala obulihlobo luka jabulalane bunegalelo kwimilo yamakhwenkwe. 

Kuthiwa athi wokunxila amakhwenkwe aqale abendlongondlongo kwaye avuse nezinto ezidibanisele neemilo yakudala, iqale apho inkathazo kuliwe ngamakhwenkwe weelali ezahlukeneyo. 

Obethetha egameni le ofisi yeNkulumbuso, uMnu Nkonzo uxelele abafundi ukuba yingxaki enkulu into yemilo yamakhwenkwe kwaye idinga ungenelelo luka rhulumente olukhawulezileyo. 

Uthe iinkosi ekuhlaleni, izikolo, abazali kwakunye norhulumente kufuneka bebambisene ukuza nesisombululo kule ngxaki yamakhwenkwe alwayo kwaye kwenziwe noxolelwaniso phakathi kwawo.

Ngethuba abafundi bezikolo ezahlukeneyo benikwa ithuba lokuba bephefumle ukuba zeziphi izinto ezinokuncedisa ukuphelis imilo yamakhwenkwe, bathe bacela kubanjwe imidlalo entlobo-ntlobo rhoqo kwindawo zabo kwaye kubekhona neemisitho efana neyobugcisa nenkcubeko neemnye ukugcina ulutsha luxakekile. 

Ungenelelo luka rhulumente kule ngxaki yamakhwenkwe luye lanwenwela nakwilila efana neyaseSikhobeni nalapho kubonakala iqatsele khona lento yokulwa kwabantwana bexabelana ngamazebe bebethana ngoombushi nentonga. 

Nalapho abazali baye bavumelana ngazwinye ukuba bazakuncedisana no rhulumente uphelisa imilo yamakhwenkwe. 

Usodolophu womasipala waseMbhashe, uGqirha Samkelo Janda uthe bayalubulela ungenelelo lika rhulumente wephondo kule ngxaki yamakhwenkwe eMbhashe kwaye unethemba lokuba izakuthomalala into edibene nale milo ekuhlaleni nase zikolweni. 


Phakathi kweziko ebezikhona kule ntlanganiso kuquka iColosa Senior Secondary School, Colosa Primary School, Zweliwelile Senior Secondary School, Sizini Senior Secondary School kwakunye neNomaka Mbeki Senior Secondary School.