LocalNewsSocial Development

Kuliwa ukungabikho kwamanzi kwilali zase Ngcobo 

Yonela Mpaka | Deberha – Ngcobo

Umasipala wase Chris Hani utyelele kwilali yase Deberha eNgcobo  ukuyonikeza  ngamatanki imibhobho  kwakunye nezinye izixhobo ezincedisa ukuphucula indlela yokuhambisa  amanzi. Ezizixhobo zizakuncedisa ekwenzeni spring water ukuze kungaphinde kubekho ngxaki yamanzi kwindawo lena.

Ilali zase Ngcobo zijongene nomcelimngeni wokungabikho kwamanzi.Indawo yase Zadungeni yenye yendawo ebezinengxaki yamanzi nezithe zenzelwa spring water kwatsalwa kumthombo ongatshiyo nosentabeni. Ilali zase Ngcobo zithe zanikezwa ezizixhobo ngenjongo zokulwa ukungqongophala  kwamanzi. Abahlali belali zase Deberha  bazamnkele ezizixhobo  bevakalisa  ukuba kudala bewasokola amanzi, ngoku bazakuncedakala kuba azakutsalwa kwindawo ezingatshiyo, besithi kwa ijanareyitha ebezincedisa ekuhambiseni amanzi zezo zibiwayo.

Umasipala wase Chris Hani uqinisekisa ukuba ezi izixhobo zakusebenza ngokukhawuleza. Ongu Sodolophu kumasipala  iChris Hani Cllr uLusanda Sizani uthi balisabele ikhwelo ngoku bazokunikeza ngezizixhobo kuba kudala abahlali balendawo bekhala ngamanzi, ngoku bafaka spring waters kwindawo zonke kuba ingxaki zamanzi zininzi kodwa uthi ngoku bazimisele ukulwana nale ngxaki kungoko bezise ezizixhobo. “Sicela uluntu luhlukane nokuthatha izinto ezinceda kwabona kuba bashiyeka bengenanto, kwanabo bazimisele ukumosha iziseko ezingundoqo zoluntu kufuneka bagadwe,“ utshilo uSizani.

Ingxaki zamanzi kwilali yase Deberha azizuphinda zibengundaba mlonyeni.