Arts & CultureCommunityLocalMPUMA KAPA

KUZOPHANDWA UKUBHUBHA KWAMAKHULU ABAKHWETHA

UMphathiswa wesebe loRhulumento ngoBambiswano neMicimbi yeMveli kuzwelonke, uVelenkosini Hlabisa, uthi isebe lakhe lizobhalela licela uMongameli uCyril Ramaphosa asungule ikomishoni ezophanda ngokubhubha kwabakhwetha. Ngokwengxelo, phakathi ko-2016 ukuya ku-2025 bayi-371 abakhwetha ababhubhileyo, loo gama abangaphaya kwe-110 bephulukene nobudoda. Ingxelo yesebe idiza ukuba kwenzeka oku ngenxa yokungakhathali kwabazali namakhankatha. Isimbonono kukungakhathalelwa kwabo basindileyo emva kokuvalwa kwexesha lokuya entabeni.

UMphathiswa uHlabisa ukuthethe oku kwintlanganiso abeyibambe neeNkosi eMthatha ngoLwesihlanu weveki ephelileyo. “Injongo kukukhanda iqhinga lokunqanda ukubhubha kwabakhwetha. Ndizobhalela uMongameli ndicele ukuba kusungulwe ikomishoni ezolandela onke la matyala. Baphi abafana abalahlekelwa bubudoda, baphila njani, bayayifumana kusini inkxaso emva kokuphulukana nobudoda. Abadlale indima kwezimeko kuzofuneka bachophe bayichaze,” kutsho uHlabisa.

INkosi uBhovulengwe Mtirara uthe le ntlanganiso kufuneka ize neqhinga lokunyanzelisa abazali balandele imigaqo yolwaluko kunqandwe le ngxubaxaka. USihlalo weContralesa eMpuma Kapa, uNkosi Mwelo Nonkonyana, uthe impazamo kaRhulumente yeyokubeka iiNkosi zeelali ecaleni ekubeni izezona zihlala nabantu. “Makubuyiselwe ulwaluko komkhulu apho isiko lijongwe khona. URhulumente makaxhase iiNkosi ngezixhobo nomthetho. Kukho izinto ekumele zilungiswe ngaphambi kokulwa lo mkhuba ngempumelelo. Izinto ezifana nenguqu kumthetho,” kuphawula iNkosi yamaBhala, uNonkonyana.

UNonkonyana uhambise wathi ixesha lokwaluka mayibe lelasebusika ngaphandle kwemimandla esezintabeni apho kuvamise ukulala ikhephu ebusika, kwindawo zaseMt. Fletcher, Herchel naseMatatiele, izindawo ekuzinze kuzo amaHlubi. “Kodwa kuleyo mimandla soze uve kusithiwa kukho inkwenkwe ebhubhele esuthwini,” uqwele ngelo uNonkonyana.

UMphathiswa ugxininise ukuba amakhwenkwe angahlolwanga nguGqirha akazuvunyelwa ukuba angene esuthwini. Uyalele abazali ukuba bathathe uxanduva nenkxaxheba ukunqanda ukubhubha ngexesha lolwaluko. URhulumente uthembise ngokuzama imali yokuncedisa amaphulo okufundisa ngolwaluko olusemthethweni esikolweni nasemakhaya.