CommunityLocalNews

Usodolophu waseNgqushwa uSanga Maneli wazise inkampani

29 EyeThupha (Aug) 2024 – EyoMsintsi (Sept) 2024

Anele Raziya

Abahlali belali yaseBhongweni eNgqushwa sokuze baphinde badinge indawo yokubambela intlanganiso zabo kunye neemisitho ekwizinga eliphezulu emva kokuba kuye kwangenelela umasipala wabo kule micelimngeni yabo.

Kulandela emva kokuba usodolophu womasipala waseNgqhushwa, uSanga Maneli eye wabhengeza kutsha nje ukuba bayifumene inkampani ezakwakha iholo yoluntu yaseBhongweni.

UManeli ukutsho oko ngexesha esazisa ikontraka okanye inkampani yakwaKM 26 Projects Pty Ltd kubahlali baseBhongweni ukuba yiyo ezakubakhela iholo yabo.

Uqhube wathi iprojekthi yokwakhiwa kweholo imiselwe inyanga ezine ukuba igqitywe ukwakhiwa kwaye uthe kuzochithwa imali engange R2,675,866.90 xa kusenziwa yona.

Esi sibhengezo sakhe silandela emva kokuhamba kwekontraka yokuqala neshiye umsebenzi ingawugqibanga nto leyo eye yabangele ukulibaziseka nenkxalabo kubahlali xa bebona umsebenzi umile.

 UManeli uye waqinisekise uluntu ukuba lena ikontraka intsha izimisele ukuwenza umsebenzi ngokupheleleyo kwaye iwugqibe kwangexesha emiselwe lona.

Iholo yaseBhongweni yakuba igqityiwe ukwakhiwa, kulindeleke ukuba yenze iimfuno zabahlali abamalunga nama-5 559 kunye namakhaya ayi-1 568.

Eli holo lizakusetyenziswa ukubambela iintlanganiso kunye neminye imicimbi yasekuhlaleni.

“Ukugqitywa kwale holo yoluntu kuza kuphawula isiganeko esibalulekileyo kwiinzame zethu zokuphucula iziseko zasekuhlaleni nokubonelela ngeenkonzo ezibalulekileyo kubahlali bethu. Siqinisekile ukuba i-KM 26 Projects Pty Ltd iza kuwenza umsebenzi,” kutsho uManeli ngexesha ethetha nabahlali.

Ukwathi iKM 26 Projects Pty Ltd iye yathembisa ukuba izakuqesha abantu basekuhlaleni eBhongweni xa isakha le holo.

UManeli uvalelise ngelithi bengumasipala bezibophelele kwicala lokuphuhlisa abahlali baseNgqushwa kwaye bancedise nakwicala loncedise oosomashishini abasakhulayo ukuze kudaleke namathuba wengqesho.

Abahlali baye bavakalisa ukonwaba kwaye babulela umasipala wabo ngokuthi gqolo uhlangabezana nezidingo zabo.