Okhelwe amafama ase Sakhisizwe
Yonela Mpaka | Cala – Ngcobo

Amafama elali yase Cala phantsi komasipala iSakhisizwe anikezwe ishedi yokuchebela igusha lisebe lezolimo. Leshedi ithe yanikezwa phantsi kwephulo lika Mphathiswa wezolimo u Nonceba Khontsiwe kwenjongo zokuphucula amafama asezilalini.Ishedi ezithe zanikiswa kumasipala wase Cala zimbini enye kwilali yase Qolweni eNgcobo. Ezishedi zithe zanikezwa zinezixhobo zokusota uboya ukuze umgangatho woboya uphucuke.
Amafama elali lena ebethe gqolo ukuchebela imfuyo emizini. Olilungu lale shedi utata uZimele Sowute uthi bayakuvuyela kakhulu ukufumana leshedi kuba ngoku bazakuchebela kwindawo ephucukileyo,esithi basokolile kakhulu kuba bebecela emizini bangafumani nemali ebhetele kuba uboya bebudleka.
“Siyambulela urhulumente ngoku de azofezekisa elethu iphupha kuba imfuyo yeyona golide nesilivera esinayo ezilalini,“ utshilo Sowute. Usodolophu womasipala iSakhisizwe uBoniswa Phonoshe ebeyinxalenye yeshedi evuliweyo namemelele amafama ukuba ayiphathe kakuhle leshedi ayinonophele ukuze bazofumana iziqhamo ezizizo.
Amafama ebevuya engakwazi nokuzibamba ngale project.Umphathiswa uNonceba Khontsiwe ulumnkise nabo benza ubusela bethatha imfuyo yabantu ukuba basuke kulonto.Ishedi le inabo abantu abazakuyigada ukuze ihlale isemgangathweni. Abombutho othengisa uboya bakwa BKB bakhuthaze onke amafama ukuba ayinonophele imfuyo ukuze xakufika ixesha lokuchetywa kwegusha bazofumana imali ebonakalayo.



