Iqela lebhola ekhatywayo laseNtabankulu, i-Executive Ladies FC iyabathemba abadlali enabo kule sizini ukuba bazakuqhuba kakuhle bade bafikelele nakwimidlalo yeSasol league National playoffs.
Ngu Anele Raziya
Kulandela emva kokuba i-Executive Ladies FC ekhokelwa nguMnu Mawethu Nama njengo sihlalo, ityikitye umdlali omtsha obesuka kwiRoyal AM yaseKwaZulu Natal.
Iqela lika Nama lityikitye uKholeka Khumalo ongumdlali wangaphambili kwicala lasekunxele. Ukufika kwakhe lomdlalo unamava wokudlala kwiHollywoodbets Super league, kulindeleke ukuba kubenegalelo elincumisa.
Kwisizini esando kudlula iqela laseNtabankulu laye lifince imidlalo yalo lihleli kwindawo yokuqala kwiSasol league Inland Stream lonto yabangela ukuba lifumane ithuba lokuba lidlale neSophakama Ladies nayo eyayigqibe kwindawo yokuqala Sasol league Coastal Stream.
Kulo mdlalo kwaye kwaphuma intshatsheli zeSasol league eMpuma Koloni, nalapho Executive Ladies yabethwa yiSophakama Ladies yaseGqeberha.
Ngokuwina kwayo iSophakama Ladies yazibeka ethubeni lokuba iyokumela iMpuma Koloni kwimidlalo yeSasol league National playoffs, kodwa kulo midlalo zange iqhube kakuhle njengoko yohluleka ukufumana indawo kwiHollywoodbets Super league.
Kulena intsha isizini, uNama uthe beyi Executive Ladies FC bazamisele ukudlala ngokuzimisela kwakhona ukuze babesethubeni lokudlala kwiNational playoffs.
Uqhube wathi njengokuba betyikitye nale ntwazana yaseKZN kungokuba befuna iqela labo liqine nangakumbi kule sizini.
Okwangoku uthe banabadlali abangashumi amabini anesithandathu (26) kule season kwaye uninzi lwabo banamava wokudlala kumngangatho weHollywoodbets Super league nto leyo ezakuba luncedo kubo.
Kangangokuba kumdlalo wokuqala wale sizini abawudlalileyo ngomgqibelo ogqithileyo baye baphumelela ngamanqaku asibhozo eqandeni (8-0) bebetha Eastern Peace Lovers FC yaseNgcobo.
UNama ongumnikazi weli qela laseNtabankulu uvalelse ngelithi nakulena isizini bagxeleshe ukugqugqisa kwiSasol league Inland Stream kwaye bafuna ubazintshatsheli ukuzibeka ethubeni lokuyodlala kwiNational playoffs.
Executive Ladies yagqibela kwiminyaka emithathu eyadlulayo ukuba ibeyinxalenye yeplayoffs kwaye abadlali bayo kuquka noKhumalo osando fika bazimisele ukwenza imbali ngokuthi bafikelele kwiplayoffs.
Umfanekiso: Umdlali uKholeka Khumalo oyinzalelwane yaKwaZulu Natal uzimanye neqela Executive Ladies yaseNtabankulu kwingingqi yaseAlfred Nzo.


