Arts & CultureLocalNews

AmaNkomo azobhiyozela iBuyambo kuGompo 

Intatheli: Monwabisi Khininda | kuGompo

AmaNkomo azakuphuma kwiinkalo zonke eyohlanganisana kuGompo apho azakube ebhiyozela umhla weBuyambo yamaNkomo. Lo ngunyaka weshumi elinesine amaNkomo eqhuba lemibhiyozo ehlanganisa zonke iingingqi ezinamaNkomo  ukusuka eFlagstaff, Ntabankulu, Matatiele, Mt. Fletcher, Qumbu, Ngqeleni, Libode, Gcuwa, Tsomo, Mthatha, Xesi, Sheshegu, kuGompo, Gqeberha nakumazwe angummelwane iZimbabwe neLesotho.

UGqirha D.M Mzobotshe ongumqondisi weBuyambo yamaNkomo uthi oko yaqalwa le mibhiyozo amaNkomo aye ahlangana enza izinto ngokubambisana kumaxesha obunzima nakumaxesha olonwabo. “Ndingathi le mibhiyozo idlale indima enkulu kakhulu ekudibaniseni amaNkomo. Nabo bebeneengxaki zokungqizulana kwiindawo abahleli kuzo singamaNkomo sikwazile ukuzisombulula ezongxaki.Ingxaki ebimane ivela yeeyeNtlabi.

Ufumanise ukuba inzala yenkulu yekhaya ibike yabanjelwa.Ngoku umbambeli xa kufuneka enikezele angavumi. Ngabantu abathanda amawonga kea bantu abasokolisayo. Kodwa ekugqibeleni iingxaki ezinjalo zisonjululwa ngemvisiswano.