LocalNewsSports

Inzalelwane yaseMnquma uNkush Malgas ithweswe isithsaba soMqeqeshi woNyaka eNorth West

13 August 2026 | Anele Raziya | Ngqamakhwe

Inzalelwane yaseMnquma uNkululeko “Nkush” Malgas osebenza njengo mqeqeshi weNorth West University, uyaqhuba nokuqaqambisa igama lakhe kumdlalo webhola ekhatywayo. 

Kulandela emva kokuba lenzalelwana yaseMnquma eNgqamakhwe, uMalgas ethe waphumelela iwonga lokuba ngumqeqeshi ophume izandla (coach of the year) kwiphondo laseNorth West. 

Ukuchongwa kuka Nkush kumawonga abizwa ngokuba yiNorth West Sports Awards 2026, kulandela emveni komsebenzi omhle noncomekayo awenzileyo kwicala lebhola ekhatywayo eNorth West University. 

Kule sizini isando phela uNkush uncede iqela lakhe aliqeqeshayo ukuba liphumelele itayitile yeABC Motsepe league eNorth West. 

Wabuya uNkush wanceda iqela lakhe ukuba linyuselwe kumngangatho ongentla weMotsepe Foundation Championship emva koqhuba kakuhle kwiABC Motsepe league national promotion playoffs ebezibanjewe eMthatha kutsha nje. 

Ngenxa yalo msebenzi mhle inzalelwane yaseNgqamakhwe iye yazibeka ethubeni lokuba ichongwe nabanye abaqeqeshi kwiwonga elibizwa coach of the year. 

UNkush uye waliphumelela eliwonga emva kokuba evotelwe ngabantu abaninzi ukuba ibenguye ogoduka necoach of the year award. 

Sincokola naye, uthe uvuya kakhulu ngokuphumelela iwonga lokuba ngumqeqeshi ophume izandla kwiNorth Sports Awards 2026. 

“Mna ndingatsho ndithi eliwonga libonakalisa umsebenzi omhle esiwenzileyo kunye nabancedisi bam (technical team) kwaye ndiyayibulela inkxaso endiyifumana kubancedisi njengoko besebenze ngokuzimisela isizini yonke,” kutsho uMalgas. 

Uqhube wathi iwonga alifumeneyo lizokhuthaza wonke umntu kwaye ubulela nabadlali abadlale ngokuzimisela. 

Unyaka u2026 ubonakala uvumile kule nzalelwane yaseMnquma njengoko ibisando kuphumelela izifundo zayo zokuqeqesha iCAF A layisenisi, waphumelela ileague waphinda wabeka iNorth West University kwiMotsepe Foundation Championship. 

UNkush akamtshanga ebholeni kuba ukhe wasebenza namagqala abaqeqeshi abafana noShakes Mashaba kwiWitbank Spurs eyayidlala kwiMotsepe Foundation Championship, wasebenza nakwiTuks njengo sekela umqeqeshi okanti wayeyinxalenye yeqela leTS Galaxy elenza imbali libetha iKaizer Chiefs kumdlalo wamanqam weNedbank Cup, apho wayesebenza njengo mhlalutyi wevido (video analyst).