Kubhiyozelwa iNyanga yaMafa namaGugu ngebhola, imbali nophuhliso lolutsha kuCentane
Intatheli: Anele Raziya
Njengokuba iyinyanga yamafa namagugu esizwe kwaye ikwayiyo nenyanga yezokhenketho, ulutsha lakuCentane licwagcisele ukuqaphela lenyanga ngezinto ezahlukeneyo.
Kwilali yakwaNombanjana kuCentane, ulutsha lucwagcisele ukubhiyozela usuku lwe heritage day ngemidlalo yebhola ekhatywayo apho iqela eliphumeleleyo lizokugoduka nenkomo njenge bhaso eliphambili.
Imidlalo nebizwa njenge heritage soccer tournament kulindeleke ukuba iqale ngolwesine uyokuma ngecawe (24-27 Septemba).
Injongo zale midlalo azijolisanga ekudlaleni kwamaqela kuphela, kuba kujongwe ukuxhotyiswa nolutsha malunga nolwaphulo mthetho ingakumbi imilo yamakhwenkwe.
Ukanti imidlalo ikwarhweba noluntu ukuba lizokubona indawo ezinembali kuCentane njenge lwandle elifana ne Wavecrest enembali yesikhitshane esazikayo elwandle ngeeminyaka eyadlulayo saze saphelela apho.
Lo gama kwelinye icala itumente ikwajolise nakwicala lokuphuhlisa imidlalo ingakumbi ezilalini.
Qela ngalinye elifuna ukuzibandakanya nale midlalo kulindeleke ukuba lithi thaca etafileni imali engange R2000 ukuze lifumane imvume yokudlala.
Amabhaso kuthiwa intshatsheli zetumente zizogoduka nenkomo ephlilayo ekhatshwa yindebe, iqela elibethwe kumdlalo wamanqam lizozixolisa ngemali engange R2000 njenge bhaso lesibini.
Elesithathu ibhaso yimali engange R1500. Wonke amaqela avumelekile ukuba aze azokuthatha inxaxheba kule midlalo igxeleshe ukubhiyozela inyanga yamafa namagugu esizwe kunye nezonkekhetho.
Omnye wabaqaquzeleli bale tumente uAsali uthe nokuba iqela lindawoni ligeza lamkelekile kwaye angafowunelwa kwinobholo ethi 063 915 8272.
