Isizwe sama Jumba besityelelwe
Intatheli: Yonela Mpaka | Qhumanco – Ngcobo

Umbutho we African National Congress eNgcobo ubutyelele kwi Komkhulu lamaJumba eQhumanco ukuyokhahlela kwi Komkhulu noshiye amathokazi enkomo amabini. Oku kwenziwe kwaNkosi Zwelilungile, nokuza emva kokuba Inkulumbuso yePhondo uOscar Mabuyane ebetyelele phaya ukuyophehlela iManifesto yombutho.
Olutyelelo loyonikeza ngezinkomo luqhutywe ngongusihlalo wombutho e Chris Hani uLusanda Sizani ephelekwe ngamalungu ombutho alebrentshi. Emva koko bathe baya kwi Komkhulu lase Nkondlo phantsi koNkosi uDalasile eMaqwathini nabanikele ngalamathokazi amabini enkomo nakhona. U-Sihlalo wombutho uSizani uvakalise ukuba kubalulekile ukusondeza amakomkhulu kuba adlala indima enkulu ekuhlalen.
“Ngozokunyathela apha sifuna Amakomkhulu ayiqonde ukuba sihamba indlela enye nawo siyawakhuthaza ukuba aqhube ukusebenzela uluntu engajonganga nzuzo, sifuna Amakokhulu axatyiswe athenjwe ngezinto zaselalin,“ utshilo uSizani. Uvuyo olubonakaliswe ngabosapho besenza umbulelo omkhulu.U-Nkosi u Zwelilungile uthi into yokuba kuzokhahlelwa Komkhulu bayakuvuyela kuba imisebenzi yabo abayenzayo iyabonakala esithi bayabulela ngakokonke okwenziweyo nokumane bekrotywa nangona ngoku bebebona ngathi ixabiso labo bezinkosi alisahoywa, kodwa ngoku babonile basahoyekile.


