BusinessCrime & SafetyNews

Uqhawulo-mtshato alundibulalanga, lundikhulule.

Intatheli: NguNtsikelelo Jonga | Ntshona Koloni

Umama waseKapa obethe cwaka ixesha elide uphume ebala wayibeka yabonwa nangu’thathatha’imeko ngobundlobongela basemakhaya kunye noqhawulo-mtshato olubuhlungu aphile kubo. Ngoku uvule isifuba sakhe ephepheni elithi “My Journey to My Survival”.
Uthe umama onguFifi Gubevu Elihle nowayesakuba yiNkosikazi yemvumi yomculo wokholo uXolisa Kwinana, izinto ebekade eziva kude ngoku zenzekile kuye. Nangona ebesoloko efuna ukufuduka, ngoku ubona ungxamiseko lokuya kude, kuba uthi owathi waba ngumyeni wakhe akamshiyi aphile ngoxolo emva koqhawulo-mtshato. UFifi Gubevu Elihle uchaza ukuba emva koqhawulo-mtshato olugqityiweyo, usafumana imiyalezo emhlukumeza ngokwasemphefumlweni. Uthi ixesha elide ebethule egcina uxolo kuWhatsApp, kodwa ngoku uthi kwanele.
Enye yezinto ezimcaphukisileyo kukugxekwa kwakhe njengoMama. Uthi kuye kwathiwa “Abantwana bamdaka” kunye nokuba ibhotile yomntwana “ngamanzi amdaka” ngelixa yena athi yi-‘rooibos’ azama ukuba umntwana wakhe abe nento yokusela ngenxa yokungabikho kobisi.
“Abantwana ndibakhulisa ndedwa, kungekho lula. Ewe ndiyadinwa, ndiphelelwe ngamandla ngamanye amaxesha. Kodwa abantwana bam basempilweni. Zange baphose i-clinic. Bacocekile,” utshilo. Uchaza indoda ekuthiwa yi-‘narcissist’, engakhulanga ene-‘self-esteem’, ethi iphule abanye ukuze izive ngcono.
Wongeza wathi: “Kwaye ndisezothetha. Andikathethi nange GBV. Le yi Journey yam to My Survival.”

Ukanti ke kwelakhe icala uXolisa Kwinana Ngomhla we-08 kweyoMsintsi ku- 2026 ukhuphe ingxelo esemthethweni.
Kulengxelo uthi: “Greetings to everyone in the name of Jesus Christ”. Ndicela uxolo kubo bonke abadanisiweyo.”
xa sasitshata kwiminyaka edlulileyo, zange ndicinge ukuba sizakufikelela ekuchazeni ezinkundleni zonxibelelwano. Kodwa ke iimeko ezingaphaya kolawulo lwethu zisizise apho sikhoyo ngoku, kwaye uqhawulo-mtshato lube nefuthe kuthi sobabini.
Kwizityholo zokuxhaphaza abekwa zona uKwinana uthe: “Ezinye zezinto azikhankanyileyo lowo owasakuba nguNkosikazi wakhe aziyonyani. “Ndikholelwa ukuba imiba enzima kangaka kufuneka isonjululwe ngeendlela ezifanelekileyo. Ndikulungele ukusebenzisana nayo nayiphi na inkqubo esemthethweni.”
Uqinisekisile ukuba bazamile ukubuyelana kweysiLimela kunyaka ophelileyo u-2025, kodwa akuzange kuphumelele, baza baqhawula ngokusemthethweni ngomhla wokuqala kweyesiLimela kunyaka- 2026. Uthi ngoku usafudukele kwelinye iphondo. Ngemiba yabantwana, uthe: “Ndaphakamisa inkxalabo malunga nentlalo-ntle yabantwana bethu. Zange ndasithandabuza isakhono sakhe njengoMama. Okuphambili kum yintlalo-ntle yabantwana.”
Ucele uluntu ukuba lungasasazi ulwazi olungaqinisekiswanga kwaye lukhusele isidima, ubumfihlo kunye nentlalo-ntle yabantwana.
Emva kwengxelo kaKwinana, umama uthe:
“Ukhuseleko lwabasetyhini yinto yonke, intliziyo yam yaphukile. Enkosini nonke eninexhala ngam.
Andisayi kuphila ndinetyala ndizifihla ngonaphakade. Lo ngumhlaba kaThixo kwaye ndinobomi obunye.
Ndiyifumene londawo yam eyayilahlekile. Ndilifumene ilizwi lam. Ndakha ubomi obungcono kum nabantwana bam. Ukuba ukho umntu ondibekele imigibe, ithemba lam likuThixo. ‘Mkhulu lowo ukum kunalowo usehlabathini.’ Andidingi kuthuliswa. Ndidinga imithandazo. Ukuba singama kunye, singathandaza kunye. Ndazoyisa zonke izinto ebekufanele zinditshabalalise.
Ndakhiwe zizaqhwithi endadlula kuzo. Andingomntu wentombi yomntu, andingomfazi womntu.
Namhlanje ndim nje ngokwam- ndikhethe inyaniso yam ukuze abantwana bam bahlale besazi indlela yokuma kweyabo inyaniso”, lawo ngamazwi kaFifi Gubevu Elihle