Umbutho weetaxi u’Bloewata’ ufaka isandla senkxaso ekuhlaleni.
Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Kraaifontein
Ngomhla we-15 kule yeDwarha u’Bloewata’ (Bloekombos and Wallacedene Taxi Association) ufake isandla wanikela ngokutya nemali kusapho obeluswelekelwe lilungu lalo elinguMama phaya eJikizinto Street eBloekombos. Umama usokole ixesha elide ukufumana incwadi yesazisi (Identity Document) ixesha elide, nto leyo eyenze kwasokoleka ekhayeni kwakhe. Uhlaselwe yingulo yesifo sephepha esenenyanga enye ‘jwi’ eyifumene incwadi yesazisi, de waba usutywa kukufa. Imeko yekhaya ichazwe njengemeko enzima, umama ubengekho sembuthweni.
Echaza oququzelele lomnikelo uMnu Mfundo Hlotshane ongumhlali uthe ekubeni evile ngemeko yekhaya likamama uye wathethana nosapho ukuba aliyele kubaphathi bombutho wee’taxi’ uBloewata ukucela isandla. “Khange balibazise ngokunikela ngokutya (grocery) nangemali engange-R1000 ukuncedisa ukungcwaba”, uchaze watsho uMnu Hlotshane. Uthi ayikokokuqala befaka isandla kwiingxaki zasekuhlaleni. Kanti ke ilungu elimele usapho likungqinile okungumnikelo owenziwe ngulombutho. Lithi imali le iye yancedisa ekuthengeni inyama kwaStriker. “Besinoxinzelelo lokuba abantu bazakutya ntoni ngemini yomngcwabo, kodwa kungokunje uxinzelelo luphelile”, lithethe latsho ilungu losapho. Umama lo nongumakazi kulo uye wangcwatywa ngoMgqibelo umhla we-17 kule yeDwarha.
Kwakulenyanga yeDwarha lombutho uphinde wafaka isandla ukuhlangabezana nenina elibenombono wokusungula iqela lomdlalo wesoka oluselulutsha. Unkszn Nolundi Nogwina uthethe wathi, “Ndingumsunguli weqela lomdlalo wesoka kwisithuba seenyanga ezimbini. Njengomzali onqwenela ukubona abantwana bekhula kakuhle, injongo yokusungula eliqela lomdlalo wesoka elingabantu abatsha, amakhwenkwe okwangoku, kukubaqokelela esitratweni ndibagcine bexakekile ukuze bangenzi izinto ezingalunganga. Ndinoloyiko lokuba babanjwe ngumoya weziyobisi kwanezinye izenzo ezingobundlobongela nolwaphulomthetho.”
Uthi uqaphele ukuba abantwana kulula ukuba basetyenziswe ngabantu abadala bebasebenzisela kwizinto ezingalunganga nezinokulitshabalalisa kuthi ‘nya’ ikamva labo.
“Nangona nje umbono ndinawo kodwa bendiswel’amaphiko neentsiba ukuze ndiwufezekise umbono lo. Ndiye ndaya kootata bakwa’Bloewata’ ukuya kuzibika ndicela inkxaso. Abakhange bandithandabuze basivile isicelo sam banqwala kuso. Khange kubentsuku zatywala bandibiza bandinika inkxaso-mali engama-R500 yokuba ndiqalise ngeqela eli. Oko kum kuthethe lukhulu kakhulu kuba kundinike isiqinisekiso nokuzithemba ukuba nakubeni ndingumntu olinina (woman) ukusungula iqela lomdlalo wesoka, ndisendleleni eyiyo futhi ndiya phambili. Ndibulela kakhulu ku’Bloewata’ nditsho ndisithi ‘maz’enethole.’
Unkszn Nogwina uthi kungokunje seliqalisile eliqela ukudlala kwimidlalo yasekuhlaleni.


