BusinessCrime & SafetyLocalNews

Kubanjwe amadoda amane kwiziganeko zokudutyulwa koonotaxi

Intatheli: Ntsikelelo Jonga | Ntshona Koloni

Amapolisa eNtshona Koloni abambe abarhanelwa abane kumatyala ahlukeneyo okodutyulwa nokubulawa kwabanini betekisi kunye nohlaselo kwikhaya lenkokheli yombutho weetekisi. 

Oku kulandela uthotho lweziganeko zobundlobongela obunxulumene neetekisi eHermanus naseKapa.

Abacuphi becandelo elikhethekileyo eliphanda ubundlobongela beetekisi, babambe amadoda amabini aneminyaka engama-28 nengama-36 eHermanus naseStanford ngoMgqibelo.

Lamadoda arhanelwa ngokubandakanyeka kwisiganeko sokudutyulwa kwabantu kwisikhululo seetekisi saseZwelihle, eHermanus, kweyoMsintsi ka-2026. Kweso siganeko, amadoda amathandathu awayexhobile avulela ngembumbulu, abulala abanini beetekisi ababini, aza enzakalisa nomqhubi weteksi.

Kwelinye ityala, amapolisa abambe indoda eneminyaka engama-29 eKensington ngempelaveki. Le ndoda irhanelwa ngokubandakanyeka kuhlaselo apho kwaphoswa khona iibhotile ezinepetroli ezivuthayo kwikhaya likasihlalo wombutho weetekisi eRetreat, ngomhla wama-30 kweyoMsintsi.

Kulindeleke ukuba ivele kwiNkundla kaMantyi yaseWynberg ngoMvulo.

Abacuphi bakwabambe indoda eneminyaka engama-29 kwisikhululo seetekisi sakwaLanga, enxulunyaniswa nesiganeko sokudutyulwa kwabantu kwisikhululo seetekisi sase-Epping ngomhla we-16 kweyeDwarha.

Kweso siganeko, kwadutyulwa kwabulawa abantu abababini, logama omnye umntu wayec wonzakala. Lo mrhanelwa ubanjwe ngexesha abacuphi bebephanda esinye isiganeko sokubulala esinxulumene nongquzulwano lweetekisi.

Abanye abarhanelwa ababini babesele bebanjiwe kwangolo suku lwesiganeko sase-Epping.

Umrhanelwa omtsha kulindeleke ukuba avele kwiNkundla kaMantyi yaseBishop Lavis ngoMvulo.

Amapolisa athi ongeze amagosa kwiindawo ezichongwe njengezona zinobungozi ngenxa yongquzulwano lweetekisi, logama abacuphi beqhubeka nokuphanda amatyala anxulumene nobu bundlobongela.