Crime & SafetyLocalNews

Kusweleke amadoda amabini ebulawa ngamaqebengwana

28 EyeNkanga 2024 – 11 KweyoMnga 2024

Intatheli: Monwabisi Khininda

Iingxelo zityhola ukuba amadoda amabini aseRhafu anabele uqaqaqa ngoko nangoko emveni kokuba etye amaqebengwana (cup cakes) ekurhaneleka ukuba ebenetyhefu; abakwantsasana balivulile ityala lokubulala ngokungenanjongo. Othethela amapolisa ephondweni uWarrant Officer Nkohli Majola ungqinile ukuba ngokwenene esi sithwakumbe senzekile.

“Amadoda amathathu abalekiselwe esibhedlele nanjengoko ebekhala ngezisu ezibuhlungu emveni kwezityholo ezithi lamadoda atye amaqebengwana,amadoda amabini asweleke ngoko nangoko ukanti enye indoda ileqiswe kwisibhedlele saseGqeberha.”

Ukuzothi gaa ngoku abakwantsasana bamaxhaphetshu nophando,iminyaka namagama wamaxhoba asankonyiwe.