AgricultureArts & CultureBusinessLocalNews

UNkosi Mtirara ukhuthaza ulimo kulutsha 

Intatheli: Monwabisi Khininda | Mthatha

UNkosi Zanothando Mtirara waseMthatha West uthi ulutsha lwalwendawo luxhomekeke kwizibonelelo zemali karhulumente ekhutshwa lisebe lakwaSASSA ngenxa yentswela ngqesho enyuke yayakuthi xhaxhe kuma-47,4%. IMpuma Kapa ihamba phambili ngamanani olutsha oluswele imisebenzi. UMtirara uthi iyamxhalabisa le meko kuba ingunozala wolwaphulo mthetho olungalawulekiyo nokuxhatshazwa kweziyobisi.

UNkosi Zanothando uthi urhulumente makavule lamashishini avalwayo kwindawo yaseVulindlela Heights eMthatha nakwidolophu yaseGcuwa. UMtirara umemelele ukuba urhulumente avule izandla axhase oosomshishini abakhasayo abaselula. UNkosi Mtirara uthe beziNkosi bazakunikezela ngomhlaba kulutsha oluzimisele ukulima umhlaba. UNkosi Mtirara uthe luyadingeka ungenelelo oluphuthumayo ukubuyisela ithemba nesidima kulutsha. Uhambise wathi kulutsha oluhleli emakhaya kukho nolunezidanga loo nto idala uxinzelelo kwintsapho nasekuhlaleni. Uthe beziiNkosi abakwazi kuhlala basonge izandla bebona ikamva lesizukulwana sitshabalala.

Uthe urhulumente bakaxhase amashishini asekwe lulutsha ukuze ludale imisebenzi.Uthe umhlaba ukhona kulutsha oluzimisele ukuba ngabalimi. “Into efunekayo yeyokuba ulutsha luqeqeshelwe ukulima nokufuya, lunikwe izixhobo zokulima nemali yokuqalisa ulimo.” Elokugqibela uMtirara uthe ulutsha maluqokelelane lusebenzisane norhulumente kudaleke imisebenzi.