BusinessLocalNews

Umasipala wase Dr AB Xuma uphethule isoyi  kwindawo ekuzokokhiwa kuyo iMall yase Ngcobo

Intatheli: Yonela Mpaka|Ngcobo

Uphethulo lwe Soyi kwindawo ekuzokhiwa kuyo iMall yase Ngcobo.

Indawo le ime kwirenki ye teksi eziya eMtata, le Mall nekudala ilindiwe ngabantu base Ngcobo ibabangele uvuyo olungummangaliso. Uphuhliso oluzakuthi lwenziwe kukokhiwa kwale mall kwakubangela imizi emininzi ilale ityile. I Mall izobizwa Ngcobo kulindeleke ibe iyokhiwa ngo febhuwari wonyaka ozayo ibe iyqgqitywa kwinyanga ka Epreli.

Abatyali zimali nabazakuthi bokhe le Mall baphantsi ko group.Othe wokha iMall yase Mthatha u Dr Ngebulana Sisa uthi le mall iyakuthi ivule amathuba emisebenzi kuba ivenkile ezizakubakho zakubangapha kwamashumi amane. “Kule mall sizakuyokha kuyakubakho indawo zokudlala abantwana kwa nonogada abayakugada kungabikho nanye indawo eyakuthi yonakaliswe, abantu abasincedisayo ukuze oku kuye phmbili siyababulela kakhulu, sijonge phambili ukuncedisana ukuze imiphumela ibemihle,” utshilo u Ngebulana.

Abangabahlali eNgcobo bakuvuyele kakhulu oku besithi ithemba likhulu kuba kudala belindile ukuba kubekho imall eNgcobo, besithi le Mall ngase ide ibe iyenziwa kuba  iyakubancedisa kakhulu bayeke nokuya kwindawo ezikude xabefuna impahla, bekhankanya ukuvulwa kwemisebenzi okuyakuncedisa kubantu abantu. Usodolophu womasipala uCllr uSiyabulela Zangqa uliqhwabele izandla kakhulu eliphulo lokuphuculwa kwedolophu lena esithi koxhamlwa ngumntu wonke kunyuke uqoqosho kakhulu.Osomashishini base Ngcobo bebeyinxalenye yokungqina umsebenzi wokuphethulwa kwe soyi.