Aphumizandla amafama ase Nkondlo eNgcobo
26 EyeDwarha 2023 – Yonela Mpaka
NGCOBO
Umphathiswa wesebe lezophuhliso lwamaphandle nemihlaba uNonqubela Pierters ebezokuvula ngokusesikweni ulimo kwindawo yase Nkondlo kumasimi ka Yanga Dalasile eNgcobo. Oku ukwenze ebambisene nomasipala i-Dr Ab Xuma. Ukuvulwa kokulinywa kukuqaliswa kokuyiwa emasini ngawo onke amafama.
UMphathiswau Pierters uzovula olulimo kwindawo yaku Dalasile ngenxa yamafama akhona alima ngokugqithisileyo. Ibeluvuyo kumafama abambisene no Yanga Dalasile kuba lomvulo ibingoweliPhondo leMpuma Koloni. Umfama Yanga uthi baviye kakhulu xa ingabo abazakuvula indlela yoba wonke umfama makaye emasimini. “Kuthetha lukhulu oku kuthi kuba singawona mafana enza kakhulu nesele kuchithwe izigidi gidi zerandi kuthi sixhaswa,sesiphambili kakhulu ngoku sinabantu esele sibanike imisebenzi ukususa ikati eziko, nyaka nonyaka sibuya nesivuno esincumisayo noba ke imicengeni ibakhona kodwa siyoneliseka ngendlela ekwenzeka ngayo, kodwa safuna ukutsho ebantwini abasimoshayo basibele umbona wethu xa sele uphumile ubamabohlukane nalonto asivaleli mntu ngaphandle ofuna ufunda ulima makaze kuthi masingamoshwa siyayicela lonto,“ utshilo uYanga Dalasile nongumfama ophume izandla eNkondlo.
Ibiluvuyo nakwamanye amafama ukubona uMphathiswa u Pierters ephakathi kwabo.Oka Pierters uthi benza konke okusemandleni ukuqinisekisa ukuba abo bafuyileyo nabo balimayo baxhaswa ngaphandle kwamathandabuzo,uthi bafuna nosakhulayo ave enqwenela ukubangumfama wangomso.“ Kufike ithuba lokuba kuyiwe emasimini sithi kumafama makuyiwe thina sizakubanikeza konke abakudingayo kuba sibeke imali eninzi ejonge bona,sifuna nokutsho ukuba umkhuba wokumosha isivuno sika Yanga siwujongile sicela ungaphindi wenzeke, sihlaba ikhwelo wonke umntu ofuna uya emasimini makaye ixesha lifikile,“ utshilo uPierters.
Umasipala wase Dr Ab Xuma phantsi koSodolophu u Zanqga ukuqhwabele izandla ukuba okukuvulwa kolimo kuzokwenzelwa kulomasipala esithi uziva onwabile kuba lonto ibonakalisa ukuba umlimo wase Nkondlo ukuwo amanqwanqwa aphezulu. Abelimi abasakhulayo nabafuyi nabo bakhuthazwe kakhulu nguloka Pierters.

