Iyaphuculwa isoccer eMnquma
Gcuwa
Ilungu kumbutho webhola ekhatywayo eGcuwa, iMnquma local football association (Mnquma LFA), uMbongeni Matanga uvakalise uchulumanco yinkxaso abathe gqolo ukuyifumana kwezemidlalo.
Intetho yakhe ilandela emva kokuba kutsha nje izikolo zaseMnquma zinikwe ibala lezemidlalo elitsha kraca lisebe lezemidlalo ephondweni libambisene noMultiChoice.
Besajonge apho waphinda uLuxolo Matikinca osebenzela iSekhukhune United edlala kwiDStv Premiership wanika amaqela waseGcuwa izixhobo zokuziqeqesha zebhola ekhatywayo kunye neekiti.
Ukanti kule mpeveki yepasika uMnikazi weMatta Milan FC edlala kwiABC Motsepe league, uMnu uSilence Matta ugalele ityweka yemali kwitumente yebhola ibidlalelwa eMsobomvu eGcuwa waphinda wanika amaqela afikelele kumdlalo wamanqam iikiti.
UMatanga uthe bayivuyela kakhulu lenkxaso kwaye izakwenza abantwana ukuba bakhuthazeke kwicala lokudlala ibhola ekhatywayo.
Kwitumene ibidlalwa ngepasika kwibala laseMsobomvu, iye yaphunyelelwa yiWalter Sisulu University FC (WSU) emva kokuba ibethe iNqamakhwe City ngo2-0 kumdlalo wamanqama ubungeCawe.
Ngamaqela angamashumi amabini (20) ebekhuphisana kule tumente, alishumi kuwo ebephuma eMbhashe logama alishumi ibingawaseMnquma.
IKentane United, Nqamakhwe City, WSU FC neExcellent Boys FC ngamaqela amane aye asheka ngaphambi kokuba kufikwe kumdlalo wamanqam.
WSU FC iye yabetha Excellent Boys FC ngo3-0 ukuze ifikelele kumdlalo wamanqam logama Nqamakhwe City ibethe Kentane United ngo4-3 kwipenalthi emva kokuba zidlale ntanganye ngo1-1 ebaleni.
Iqela eliphumelele itumente lifumene iR10 thousand, ikiti entsha kraca, iimbasa zeegolide ezinga20 nendebe enkulu.
Elibethwe kumdlalo wamanqam lifumene R8000, ikiti entsha kraca, iimbasa zesilivere eziyi20.
Eliphume kwindawo yesithathu lifumene iR6000 nebronze ze elikwindawo yesine lafumana iR4000.
Namanye amaqela aye abonelelwa ngemali.
Yonke lomali ibiphuma kumxhasi wale tumente ibizwa Matta Challenge Easter Tournament, Mnu uMatta.
Kwinyanga ezayo kwiveki ezayo kuza kunikezwa ngamambaso wale tumente kumsitho ozakubanjelwe kwisikolo iCaley Primary School.
UMatanga uthe xa bekwazi ukufumana inkxaso ekumila kunje lonto ithetha ukuthi iyakhula ibhola yaseMnquma kwaye nezinga lokusetyenziswa kweziyobisi lizakwehla kakhulu kuba abantwana bazakuxakeka zezemidlalo.