Sports

Bayaxhaswa abanetalente eNgcobo

Ngcobo

Bekubanjwe ezemidlalo kumabala aku Manzana eNgcobo phantsi kwesikhokhelo sika Sodolophu uSiyabulela Zangqa. Lemidlalo idibanise amaqela ohlukeneyo abo bebhola ekhatywayo kwakunye naleyo yamantombazana. OnguSodolophu kumasipala iDr Ab Xuma uSiyabulela uthi bakhuthaza ukuba abantu abatsha bazinxulumanise nemidlalo ukuze basinde kwizinto ezimbi ezinokubehlela. “Siqokelele zonke itim zalapha eNgcobo ukuba zikhuphisane saze zabanika ikiti ukuze bayoqhuba bedlala kwindawo abahlala kuzo, sikhuthaze nabo bangompondo zihlanjiwe ebholeni sabanika imbasa ukuze bahlale beyazi italente yabo ihoyiwe,sikhuthaza kakhulu nabo bangamantombi ukuba bazimisele ibhola ingaxhaphaki kobhuti kuphela nabo bayazi zikhona izinto abasinda kuzo,” utshilo uZangqa. Abazali inkokheli zokuhlala kwakunye nabo bangosomashishini bakuxhase kakhulu ukwenziwa kwalemidlalo benikeza ngento esiwa phantsi kwempumlo bekwakhupha nemali ukuxhasa kwikiti yamaqela ahambe phambili. Ongumdlali webhola kwiqela elibizwa iGolden stars uLikho Mbhekeni uthi imidlalo kubo ithetha lukhulu bahlala bekulungele ukudlala kuba bayaziqeqesha ngamaxesha onke. “Ukwenziwa kwalemidlalo kusikhuthazile kakhulu singabantu abatsha sinqwenela ukuba oku kungaqhuba simana ukuxhaswa kuba asinazo zonke izinto ezifunekayo kwaye asifuni kuphelela apha eNgcobo kwibhola sifuna uya nakwezinye indawo, siyabulela kwisikhokhelo sika Masipala ingakumbi kuSodolophu wethu uZanqa sithi kwande kuMsuthu angayeki ukusiphuhlisa,” utshilo uMbhekeni.Osomashishini base Ngcobo nabo bathe gqolo  ukuxhasa ulutsha oludlala ibhola.