COFIMVABAEducation

Bayafumana abo bangathathintweni

Isikolo samabanga aphakamileyo i Aurthur Mfebe kwindawo yase St Marks e Cofimvaba sithe sanikezwa izixhobo zokufunda. Oku kuqhutywe lisebe lezemfundo phantsi kwenjongo zokuncedisana nabafundi abangathathintweni. Eliphulo lincedisa kakhulu kubafundi abaya esikolweni bengazi nokuba bakuqalangaphi, ingakumbi kwisinxibo. Ongumfundi webanga leshumi u Ongezwa Mhlawuli uthi bayabulela kakhulu ngezizipho, kunzima kakhulu kubo amaxesha amaninzi. Umasipala wase Ntsikayethu ulivuyele kakhulu elikhwelo, esithi lizakubanceda abafundi abaninzi kuba abanye babo basuka kumakhaya angathathintweni. Usodolophu umama uMdleleni uthi abantwana kufuneka bangalityalwa, kumane kusiyiwa kubo. “Abantwana abaninzi bayasiyeka isikolo xa bebona imeko zamakhaya zingavumi, kungoko kufuneka kumane kuphoswa esivivaneni ukubakhuthaza,” utshilo u Mdleleni. Isebe lezemfundo liqhuba eliphulo lisiya nakwezinye izikolo ezifana no Ntsaluba. Bangapha kwamashumi amabini abantwana abamkwe bencumile leliphulo liqhutywa lisebe.

Umfanekiso:Abafundi besikolo iAuthor Mfebe bexhamla kwisebe lezemfundo