Bazakuxhamla eKhalinyanga kwinkonzo zikarhulumente
27 April 2023 – Yonela Mpaka
Ngcobo
Bazakuthi bokhelwe indlela abahlali belali yase Khalinyanga eNgcobo. Emva kweminyaka abahlali belali le belindile bejamelene nengxaki yokuhamba ematyeni nasezingxondorheni. Indlela izakuthi ithathe ixesha elithile nekunikezwe unokhonkrakhi ukuba agxabha gxabhise ukwakha lendlela. Inkosi yelali kwakunye nekomiti zokuhlala zikuqhwabele izandla oku phantsi kokuba benoCeba omtsha oSolwethu Molo.
Umasipala uthe wayonikeza ekwabeka nemiqathango elindeleke ukuba ilandele xakusokhiwa lendlela. Uceba nokwakhokhele kwicala le infrastructure uSandiso Ngxangu uthi balindele yonke into ihambe kakuhle kuba nabo kudala befumana izikhalazo ngendlela le. Sizonikeza ukuba kuqalise kulungiswe lendlela ukuze abantu balapha bayeke ubangamaxhoba okugetyengwa kulamahlathi, kule ndlela kuzakuthi kufumane abo baliqaqobana amathuba emisebenzi, sikwacela abo bazakuthi bafumane baziphathe kakuhle bangathi bakufumana imali banyamalale, izinto ezizakusebenza apha silindele ukuba zikhuseleke kuba sixelelwe ngolwaphulomthetho oluqhubayo kwilali le, siyacela kubekho intsebenziswano wonke umntu abenoxanduva lokugada ezimatshini zizakusebenza apha,” utshilo uNgxangu.
Ulutsha lwalelali lolona lwakuthi luxhamle kwicala lomsebenzi. Ongumntu omtsha u Lutho Mene uthi bebesohlika kude bafathule ngenyawo kungacaci nalondlela imoto uthi besele zibekwa qelele bazishiye kuba bekungahambeki.” Sisokole kakhulu siyavuya umasipala ede wasisabela isikhalo sethu emva kweminyaka sibulela noceba othe wangena kubonakala ngathi uzakuwenza umahluko noko, sinalo nethemba loba nezinye izinto ebezikade zingezi kuthi zakude zizofikelela,” utshilo uMene. Onguceba wendawo uSolwethu Molo uthembise ngelithi abantu abatsha bazakuxhamla ecela nokuba baziphathe kakuhle kule project iqhube ide iphele


