‘Sizakulinqoba idabi lamanzi
27 Canzibe 2024 – Yonela Mpaka
Umasipala waseChris Hani uthe wayonikeza ngamanzi kwilali yase Clackburry phantsi komasipala iDr AB Xuma. Bangapha kwamakhulu amabini abantu abazakuthi baxhamle kumanzi acocekileyo emva kwesikhalo ebesithe ndi sokungqongophala kwamanzi kwindawo leya.
Emva kokuba ethe wathatha intambo kuye uSodolophu uLusanda Sizani eChris Hani uqinisekise ukuba uzakuyinqoba ingxaki yamanzi ethwaxa omasipala. Loka Sizani sele enikise ngezikim zamanzi kwilali ezininzi kuquka ezalapha eNgcobo ebezikade zisebugxwayibeni abantu besela nenkomo.
Abahlali bendawo yase Clackburry bebesitsho isijwili ngenxa yokungafumani manzi. Umama uLondiwe uthi kudala besokola kakhulu ngoku banikezwe zonke iziseko ezihambisa amanzi baphumile kubugxwayiba babulela isikhokhelo esifakiwe. Usodolophu wase Chris Hani uLusanda Sizani ukungena kwakhe kulawula kuye kwacaca. Abahlali baku Manzana bangabanye abathe baxhamla emanzini.
Oka Sizani uthi bafuna ukuqinisekisa ukuba isikhalo ebesisiskhulu sivakala sabantu abasokola amanzi banethemba lokuba bazakuthi gqolo bengena kwilali zonke besifezekisa. “Sifuna ukuthi kwabo sele sikwazile ukubanika amanzi bawaphathe kakuhle bawagade kungabikho bantu bawasebenzisa ngendlela ezingafanelekanga, siliqalile eliphulo sifuna ukusivala tu isikhalo, sifuna abantu bayeke ukuzikhomba kude inkonzo zikarhumente bazixhamle, sibongoza nabo bawatsala ngokungekho semthethweni bayiyeke lonto kuba ithi ichaphazele indlela ahamba ngayo, sithi ebantwini sizakuthi gqolo ukuqinisekisa ukuba basela amanzi acocekileyo ngawo onke amaxesha, abantwana siyafuna bagadwe kwimpompi bangadlaleli kuzo kuba xazonakele kubanzima ukuba zilungiseke,“ utshilo uSizani.
Abahlali base Clackburry baxhamle kumatanki amabini, iborehole kwakunye nezinto ezincedisa amanzi ahlale ekhona ngamaxesha onke.


