Community

IMpuma Koloni izimisele ukulwa i-TB

27 April 2023 – Anele Raziya

Mpuma Koloni

ISebe lezeMpilo eMpuma Koloni livakalise ukuba lizakuhamba ngesantya esiphezulu ukuhlola abahlali isifo sephepha (TB) kwaye lizakusindleka namaphulo wokuxhobisa uluntu ngesisifo.

Oku kuvele ngexesha urhulumente wephondo nokazwelonke beqhuba inkqubo yokubhaliswa kwabantu ababesebenza emigodini ze bathi uyeka kwabo emsebenzini abayifumana imali yabo yeprovident fund logama abanye babo bengazange bafumana imali yembuyekezo ngokosulelwa kwabo sisifo sephepha.

Le nkqubo yokubhaliswa kwabo babesebenza emgodini ibibanjelwe eNgqeleni, eLibode naseNgcobo kwaye ibikhokelwa nguMphathiswa wezeMpilo eMpuma Koloni, uNomakhosazana Meth, usekela Mphathiswa wezeMpilo kuzwelonke, usekala Mphathiswa kwela sebe lijongene nezengqesho kuquka noosodolophu bomasipala basekuhlaleni.

Ethetha uMeth uthe baqaphele ukuba baninzi abantu abasulelwa sisifo seTB ephondweni ngenxa yabantu abangayiyo uyokuzihlola kumaziko wezempilo.

Uqhube wathi bathathe isigqibo sokuba basondeze iinkonzo zabo eluntwini ngokuthi bajikeleze baxhobise abahlali ngeTB kwaye ngaxeshanye babahlole yona.

Ngokwengxelo yezempilo kweli kuyabonakala ukuba iTB yeyona igqugqisayo kwicala lokubalala xa iphononongwa ithelekiswa neezinye iizifo.

IMpuma Koloni iphakathi kwamanye amaphondo anabantu abosuleleke yile TB ngenxa yokuba inabantu abaninzi ababesebenza nabasasebenza emigodini.

UMeth uthe yiyo lento isebe lakhe lizimisele ukwenza ngako konke okusemandleni ukulandelela nabo bangasasondeliyo kumaziko ezempilo nangona bafunyaniswa beneTB.

Ngokwengxelo epapashiweyo ngurhulumente, iveza ukuba imali engangeR400-million sele ibhatelwe njenge provident fund, nembuyekezo kwabo bosulelwa yiTB ngexesha besebenza emgodini.

ITshiamiso Trust eqhuba olubhaliso lwabo babesebenza emgodini, ithe imali engaphaya kweR1-billion sele ichithiwe kubhatalwa abo bangazange bafumane imali yabo yeprovident fund kuquka nembuyekezo kwabo bosulelwa yiTB neSilicosis.

Ngabantu abaqabeleyo ku1000 ebabesebenza emgodini abaye babhaliswa yiTshiamiso Trust eNgqeleni kwaye baye bahlolwa neTB neSilicosis.

Amanani aye enyuka nangakumbi ngexesha kubhaliswa eNgcobo naseLibonde

Urhulumente uye waqinisekisa ukuba uzakuqhuba neli phulo lokhangela wonke umntu owayesebenza emgodini waze akayifumana provident fund yakhe okanye akayifumana imbuyekezo yokuba wosulelwa yiTB.

Njengokuba ihlabathi jikelele beliqaphela usuku lweTB ngomhla wama24 kwinyanga ephelileyo, naye urhulumente waseMpuma Koloni ufumene ithuba lokuqaphela olusuku lweTB kumsitho obubanjelwe eLidobe kwiveki ephelileyo.