Kukhangelwa ababulele abasebenzi basePosini eFlagstaff
27 April 2023 – Monwabisi Khininda
Flagstaff
Amapolisa aseMpuma Koloni azingela abarhanelwa ababandakanyeka kwiziganeko ezahlukeneyo ezikhokhelele ekubulaweni kwabasebenzi beposi yaseFlagstaff. Ngokwengxelo yamapolis a nabasebenzi basepoisini abathathu abadutyulwelwa ngcola ungele kwilali yakuJaca ngoMvulo weveki esisukakuyo. Ukanti ngoLwesibini kukwaxhonyiswe le posi kumbindi wedolophu.
Isithethi samapolisa ephondweni uWarrant Officer Majola Nkohli uthi kutyholwa ukuba abarhanelwa ababehamba ngesithuthi esibomvu okanye esimaroon bathe basimisa bavulelange embumbulu kwisithuthi esiluhlobo lweFord Ranger ebikhwelise abasebenzi basePosini abathathu kwilali yakuJaca.
Amaxhoba ngamanina amathathu aphakathi kweminyaka eyi-30 ukuya kuma-37 ubudala. Abarhanelwaba sagcwele amathafa. Kuvulwe amatyala amathathu ukuze kuqhutywe uphando. Kwesinye isiganeko ngoLwesibini, kudizwa ukuba amadoda amathathu angene engabhungisanga kule Posi yaseFlagstaff kwisithuba sentsimbi yesibhozo kusasa axhomisa abasebenzi ngemipu. Abaleke nesixa-mali esingachazwanga kunye neminxeba yabasebenzi.
Kucelwa nabani onganolwazi olungancedisa kuphando lwamapolisa kweziziganeko zibini aqhakamshelene neqela labaphandi ku0860010111.
UMkomishinala wamapolisa ephondweni uLt. Gen Nomthetheli Mene uzigxeke kabukhali eziziganeko waze wasungula iqela eli zophanda, likhangele libambe abarhanelwa kweziziganeko zozibini.

