Uncategorized

Lisaqhuba ityala lendoda eyadlwengula umntwana wayo

11 May 2023 – Monwabisi Khininda

MTHATHA– Uzakuvela enkundleni kaMantyi yaseMthatha kule veki umrhanelwa obanjwe phantsi kwezityholo zokudlwengula kuqengqeleke iminyaka, intombi yakhe eneminyaka elishumi elinesixhenxe (17) ubudala. Uxwebhu lwesimangalo luchaza ukuba igama lommangalelwa nguSiyanda Sobetwa, kwaye lomntwana uligazi lakhe (uphuma kuye eqhageni).Ummangalelwa nentombi yakhe ngabelali yaseDumrhana cebu kuhle kwidolophu yaseMthatha kuwadi 34 kumasipala waseKSD.

USobetwa utyholwa ngokuba elinyala lokudlwengula umntwana wakhe waliqala ukulenza ngonyaka wama-2014, nto leyo ethetha ukuba intombi yakhe yayineminyaka elithoba ukuqala kwakhe ukuyixhaphaza ngokwesondo. Ukanti kuvakala nokuba uSobetwa lo akapheleanga kwintombi le yakhe ukwenza eli nyala,udlulele nakumtshana wakhe ngethuba lo mntwana ebekhe wahlala nolusapho ngo-2020 ngexesha leCovid 19.Wayeneshumi leminyaka ubudala ngelo xesha.

Kudliwano ndlebe neli phephandaba umakazi wexhoba uTabitha Sonyaka uzingqinile zonke izityholo ezibekwa kuSobetwa. “ Ngokokutsho komntwana ,utata wakhe waqala ngokumana efaka ubudoda bakhe phakathi kwamathanga,kwaya kwaya ethubeni wade wabufaka bonke emntwaneni,”utshilo uSonyaka. “Umntwana  uqhubeka ngelithi ngethuba umzala wakhe oyintombi  wayeze kwiholide apho babehlala khona ngo-2020, utata wakhe wayebadlwengula bobabini ngaxesha linye,ebanyanzelisa ukuba omnye abukele xa edlwengula omnye.

Kusenjalo umama walomntwana, nogama lakhe linguNonzukiso Sonyaka, ubhale kwelinye lamakhasi onxibelelwano ngelibalisa ngentlungu  yakhe kwanokuzama ukugaya inkxaso eluntwini. ”Yonke le nto yenzeka ndingazi nto mna.Ubemoyikisa ngelithi ukuba ukhe wandixelela uza kumbulala abulale nam.Wathula  ke umntwanam ngoba enoloyiko. Ufundile ke umntwana wayotsho kugrade 12 wabe ezixelela ukuba uzakohlukana nayo yonke le mpatho xa esiya eDyunivesithi,kodwa akwenzekanga oko ngenxa yokungafumani sikolo.”

“Kulapho ke umntwana wam agqibe ekubeni ayithethe le mfihlo kum ngoba mna ndingumntu obesoloko engekho ekhaya ndisemsebenzini. Bendingazi nto,bendibuya ebusuku emsebenzini. Ndiye ndayomangala emva kokuba umntwana endixelele ngesi sehlo, wabe uyabanjwa utata wakhe. USobetwa ufake isicelo sebheyile esizakuxoxwa kule veki.

“Ndicela inkxaso yenu, andifuni ayifumane ibheyile ngoba angaphuma abulale mna nomntwana wam kwakunye nalo kasisi wakhe. Xa enophuma ubomi bethu bungasesichengeni,” utshilo umama womntwana. Ukanti isebe le-ANC kwawadi 34 lisigxeke kabukhali esi sihelegu kwaye lihlabe ikhwelo lokuba uSobetwa angayifumani ibheyile. ”Silisebe le-ANC kule ndawo sithi uSobetwa makangayinikwa ibheyile kuba sikholelwa ukuba ulirhamncwa lesidlwengu, kwaye uyingozi ekuhlaleni nakusapho lwakhe, njengoko ethe gqolo egrogrisa ngelithi uza kuyibulala intombi yakhe nomama wayo ukuphuma kwakhe ejele,” utshilo ingxelo yelo sebe.

“Ngomhla wetyala sizobe singxange phambi kwenkundla kaMantyi yaseMthatha,sinyanzelisa ukuba sikhatywe isicelo sikaSobetwa sebheyile. Sikwahlaba ikhwelo kuyo yonke imibutho enxulumene ne-ANC phantsi komasipala iKing Sabata Dalindyebo, i-ANC Youth League, i-Women’s League, i-SANCO, iSouth African Communist Party njalo njalo; kwakunye neminye imibutho yasekuhlaleni ukuba ifake igxalaba ngokuthi ibekhona enkundleni ngomhla wetyala.”