LocalNewsPolitics

I-ATM ayiluthembi ungenelelo lwe-UAE eBhisho

11 May 2023 – Monwabisi Khininda

EBHISHO

Umbutho wepolitiki iAfrican Transformation Movement (ATM) uvakalise inkxalabo malunga nokulungiswa kwesikhululo seenqwelomoya saseBulembu ekutyholwa ukuba lo msebenzi uwonke uxabisa imali ekwi-R20 yezigidi ekhutshwe nguMongameli weUnited Arab Emirates (UAE) uSheik Mohammed Bin Zayed Al Nahyam.

I-ATM ibisabela ekufikeni kweqela labantu abamalunga nama-500 besuka e- United Arab Emirates kwisikhululo seenqwelomoya saseBulembu ngaseQonce, eMpuma Kapa. Lo mbutho uthe ubhalele uMongameli Cyril Ramaphosa ufuna ingcaciso ngemiba eliqela, equka uhlobo lwempahla ezothulwa kwisikhululo seenqwelomoya kunye nenani lezixhobo zohlaselo ezothulweyo.

Isithethi se-ATM uZama Ntshona uthe le meko iphakamisa imibuzo. UNtshona uthe: “Siyi-ATM siyesamangalaxa iingxelo zonoondaba zidiza ukuba uMongameli we-UAE akaphelelanga njee kufikeleni kwisikhululo seenqwelo moya saseBulembu eBhisho kodwa uthembise ngokuphucula isikhululo seenqwelomoya ngemali eyokutsho kwi-R20 yezigidi zeerandi.”