Bayaphela abantu yindlela iNkobongo eNgcobo
14 EyoMsintsi 2023 – Yonela Mpaka
ENGCOBO
Bekubanjwe umthandazo kwindlela yase Nkobongo eXonya phantsi komasipala iDr AB Xuma. Lo mthandazo ubuqhutywa ngabefundisi abenkolo ka Ntu kuquka nabo benkolo ezahlukeneyo. Ingozi ezenzeka kwindawo yase Nkobongo zezo zikhwinisa wonke umntu kuquka nabo bangabaqhubi.Igophe elibi elingunobangela wezingozi linga lingafunelwa icebo kuba sele kuphume imiphefumlo emininzi kwindawo leya. Ukubanjwa kwalomthandazo kuza emva kokuba kwathi kwasweleka abantu abane ababehamba ngesithuthi esiyi Avanza kwindawo le nekwasweleka kubo Inkosi.
Umasipala kwi ofisi ka Somlomo ubone kufaneleke khekuyongxolwa kwindawo leya. USivuyile Mfeki nokula ofisi uthi basivile isikhalo sabantu base Xonya asele belahlekelwe zizihlobo zabo babona abanokwazi ukuthula mabenze into. “Sibambe umthandazo kuba siyasiva isijwili esinganyamezelekiyo, sibongoze wonke umntu owakhe walahlekelwa sisihlobo sakhe kulandawo ukuba aphakame ayokumlanda, sikholelwa ekubeni imiphefumlo ephaya engazange iyolandwa yiyo ebangela kubezingozi umhla nezolo phaya,sithi kwabo babandanyekayo mabasincedise ziyaphela intsapho zabantu, “utshilo uMfeki.Abahlali bendawo le bawuzimasile lomthandazo.
Umama uNosakhele Ntshinka uthi kudala benyamezele imbi into eyenzeka kula Nkobongo.Siyacela urhulumente azame usenzela into enobangela imoto zingade ziqengqeleke nabantu,sibongoza abantu ukuba baqhube ngenkathalo kwindlela leya kuba akumandanga ukusokolo sisiya emizini siyothi akuhlanga lungehlanga,sicela bayeke abantu ukuqhuba phantsi kwempembelelo zotywala,“ utshilo uNtshinka. Abefundisi bemvaba ngemvaba nabo bakukhalimele oku besithi inkathalo mayobekhona ebantwini ukuze impalalo gazi izokuncipha.

