UCele uthi izakuphela into yokubulalana ePort St. Johns
11 May 2023 – Anele Raziya
ESAJONISI
UMphathiswa wamaPolisa kuZwelonke, uBheki Cele uthe kungekudala izakuphela into yokubulalana kwabantu kwindawo kwilali yaseMajola eSajonisi.
Ukutsho oku ngexesha isebe lakhe belibambe indibano kunye nabahlali abachaphazelekayo kwezi ziganeko zokubulalana kwabantu eSajonisi kwiveki ephelileyo.
Kutsha nje kwilali yaseMajola kudutyulwe kwabulawa abafundi ababini nebebefunda uGrayedi 12 kwisikolo iMajali Technical High School.
Abafundi kuthiwa badutyulwe babulawa ngexesha bebesuka yofunda noogxa babo kwilali iMajola lonto iye yabangela urhulumente ukuba akhawulezise aphinde angenenelele kweli dabi laseSajonisi.
Ngokwengxelo yamapolisa ichaza ukuba ngabantu abangamashumi amabini anesihlanu (25) esele bebulewe kwilali zaseSajonisi kule minyaka mithathu idlulileyo ngenxa yale milo kuvakala ukuba yaqala kwiminyaka engaphaya kwamashumi amathatha eyadlulayo.
Kodwa kunanamhlanje asikabikho isisombululo sale milo yabahlali abalwa bodwa betshiselana neemizi kwilali zabo.
Amakhaya angaphaya kwe140 kuthiwa atshiswa aphela kule milo kwaye abanikazi bancama bayokuzimela emahlathini ngenxa yokuba besoyikisela ubom babo.
UCele uthe yonke lento yalo mlo wabahlali belali yaseMajola izakuphela kwaye isebe lakhe lithumele amapolisa akwizinga eliphezulu ukuba aqokelele bonke abantu abahlali abanye kakubi.
Uqhube wathi sele ebhalele nakuMongameli weli uCyril Ramaphosa ucela ungenelelo lamajoni.
Uthe ilali iMajola izakufana neezinye indawo kwaye wonke umntu uzakuhamba ngoku khululekileyo iphele into yokoyika ugetyengwa.
Sithetha nje amapolisa sele etyaliwe nguCela ngoku kulindeleke ukuba kutyalwe amajoni ukugcina ucwagco kwindawo yaseSajonisi.
UMphathiswa wezoThutho noKhuseleko eMpuma Koloni, uXolile Nqatha ubulele kakhulu kungenelelo luka zwelonke kwindawo yaseSajonisi kwaye unethemba lokuba kuzobakhona iziphumo ezincumisayo.

