INkulumbuso ixhasa amaphulo amanina
NguMonwabisi Khininda
INkulumbuso yephondo leMpumo Kapa uOscar Lubabalo Mabuyane uxhasa amaphulo okuphucula amanina.Le nkqubo ixhase ngezimali amaphulo akhokhelwe ngamanina ukuzisa uhlumo kwezoshishino ephondweni.Inina elingumfama liye laxhaswa ngenkunzi yenkomo yohlobo ukwandisa umhlambi walo ngeenkomo zehlobo.Amanina athungayo aye anikwa iimatshini zokuthunga ukuze ahlume.Eli phulo aliphelelanga ekunikweni izixhobo kuphela kuba aphinde axhotyiswa ngezakhono zokuphuhlisa amashishini. “Sisonke siphakamisa amanina ukuze aphuhlise amashishini adale amathuba emisebenzi ephondweni,”kutsho uMabuyane. “Ndifuna ukothulela umnqwazi abantu abaxhasa amaphulo akhokelwe ngamanina,ndithi mabenze nangaphezulu bafikelele nasezilalini baxhobise amanina ngolwazi nezakhono ezidingekayo ukuphuhlisa amaphulo akhokelwe ngamanina,”kutsho uMabuyane.
“Xa sinika imbeko umama uCharlotte Maxeka mandinikhumbuze ukuzinikezela kwaba babezabalaza ngaphambi kwethu,ngabo abasinika inkuthazo yokuba sithathe aphop babeyeke khona ukuphucula intlalo yoluntu.Xa sijonga i-GBV ukuxhatshazwa kwamanina nabantwana eso senzo sisenzo sokungcatshwa kombuso.Ndibongoza amadoda ukuba angenelele ukunqanda lo mkhwa.Amanina mawaphakanyiswe ukuze athabathe izikhundla zobunkokheli ekuhlaleni.Amanina anamandla okuqaqambisa ikamva leliphondo.Eli lithuba lokuba amanina akhokhele uphuhliso loqoqosho ephondweni.”


