CommunityLocalNews

Iimvula zibulele abantu eMnquma

25 May 2023 – Anele Raziya

EMbhashe

UMasipala wesithili iAmathole ukhuphe isilumkiso kwaye ubongozo uluntu lwaseMnquma naseMbhashe ukuba bohlukane nento yokuzama ukuwela kwimilambo neebhulurho xa kunetha iimvula ezinkulu.

Kulandela emva kokuba kusweleke amadoda amabini nowesityhini omnye kwimvula ezinkulu ezinethe ngomhla we12 uyokuma ngomhla15 kule nyanga.

Ngokwengxelo yomasipala wesithili iAmathole, ivakalisa ukuba abantu abathathu ebabekhwele isithutho esingachazangwa igama laso, amadoda amabini nowasetyhini omnye bazama ukuwela ibhulurho yaseKhobonqaba eyayigcwele ngamanzi yaze imoto yabo yemka nomsinga wamanzi.

Enye indoda yazama ngamacebo wayo yadada yasinda ngexesha kusehla esi sehlo logama amanye amaxhoba emka namanzi.

Kwaye kwabizwa iindadi namapolisa kwangalemini inye ukuba kukhangelwe lamaxhoba mabini ahambe namanzi.

Amapolisa neendadi zincediswa ngabahlali bakuCentane baye bafumana indoda sele ibhubhile ze ngosuku olulandelayo kwafunyanwa owasetyihini naye eswelekile ngenxa yokurhaxwa ngamanzi.

Kwangolusuku lunye amapolisa akuCentane akhwetywa ngabahlali baseCebe kuCentabe emva kokuba kwafunyanwa umzimba wendoda ududuluzile kwinxweme lomlambo iNgqongqo.

Ngokwengxelo kukrokreleka ukuba lendoda ibizama ukuwela kulo mlambo waseNgqongqo eCebe yaze yoyisakala ngenxa yokuba umlambo ubugcwele ngamanzi.

Kwindawo yaseMbhashe ezimvula zinkulu zakhukhulisa iindlela zawisa nebhulurho enye yalali yaseFolokhwe kwaWadi 28 eXhorha.

Kumasipala waseGreat Kei imvula yashiya abahlali belokishi yaseSiviwe township bexakene namanzi angena kwizindlu zabo.

Umasipala waseGreat Kei, iSebe lokuHlaliswa koLuntu ephondweni nomasipala weAmathola baye bakhawulezisa ngokunelela ngokuthi kunikwe abahlali izindlu zethutyana zokuhlala kwaye banikwe nento esiwa ngaphantsi kwempumlo.

Malunga nezi ziganeko umasipala waseAmathole uye wathumela amazwi ovelwano kwabo baphulukene nezihlobo zabo waphinda wathembisa ngokuncedisa kwabo baphulukene nezinto zabo ngenxa yemvula.

Umasipala uye waphinda walumkisa abahlali ukuba bahlale bevundlile xa kusiza imvula ezinkulu kwaye bangasondeli nasemilanjeni nakwibhulurho.

Ngaphambi kokuba kunethe ezimvula iAmathole yayikuphe isilumkiso sokuba abantu bangasondeli kwindawo ezingabonakala zinobugoza xa kunetha emva kokuba nayo yafumana isilumkiso kwizanuse zesimo sezulu ezazilumkisa uluntu kwingingqi yaseMnquma, Mbhashe naseGreat Kei malunga nezatyalatyala zemvula ezilindelekileyo.