CommunityLocalNews

Kutshile Komkhulu eZimbane

25 May 2023 – Monwabisi Khininda

EMthatha 

Kuvulwe ityala lokutshisa kwisikhululo samapolisa saseMthatha kuleveki emva kokuqhambuka komlilo kwiKomkhlu leNkosi uMaxhwele eZimbane ngaphandle kwedolophu yaseMthatha. Lo mlilo, novele kwimpela veki esisuka kuyo wenzeke ngethuba kukho imbambano phakathi kosapho  lwasebukhosini lakwaMaxhwele, nabangooZizi nabaseZimbane,mbambano leyo ide yafikelela kwiinkundla zamatyala sibhala nje.

Iingxelo zithi akukho mntu wonzakeleyo kweso sehlo sokutshiswa kweKomkhulu.Imithombo ethembakeleyo ityhola ngelithi umntu orhanelekayo kwesi senzo nguNdoda Maxhwele nongunyana weNkosi esele ilandulele eli uMzimtsha Jongisizwe Maxhwele, nobephethe apho eZimbane.UNdoda sithetha nje usabanjelwe ngunina uNosizwe Maxhwele esihlalweni sobukhosi.

Oonokrawuzana bathi ulawulo lukaNosizwe alubanga nozinzo nolonwabo ncam njengoko uluntu lwaseZimbane luyijikele lendlu iphetheyo ngelifuna ukuba kuphathe uWawi Maxhwele wenye indlu yalapha ebukhosini.

Kwimizamo yokuthetha noSinethemba Maxhwele udade waboNdoda novule ityala lokutshisa emapoliseni,kodwa akakwazanga kuphefumla ngelithi amagqwetha osapho amcebise ngelithi intetho angayenza kwabendaba inganemiphumela engemihlanga, njengoko kusaxoxwa enkundleni ngalo mba wongquzulwano ngaphakathi ekhayeni.